Kudutyulwe kwabhubha abane(4) kwindawo yentselo yaseSweetwaters ePietermaritsburg namhlanje.

Kwezinye ezothusayo ngoku, ngabantu abane(4) abadutyulwe basweleka, kwishumi elinesibini(12) elidutyulwe kwindawo yentselo eseSweetwaters ePietermaritsburg.

Ngokwengxelo engenayo, kuvakala ukuba kumise imoto engaqondakaliyo phandle kwendawo yentselo ze kwaphuma amadoda amabini aye athulula imbumbulu ebantwini.

Athe akugqiba abaleka ngesithuthi eso eshiya abantu bethe tywa apho. Kuye ke kwabalekiselwa abalishumi esibhedlele apho kuye kwabhubha ababini besongeza kwababini ababhubhele kwindawo yexhwayelo.

Sithetha nje uphando luyaqhuba ukuze kufunyanwe abarhanelwa kwakunye nesizathu sesisiganeko.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA