11.4 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

Kubhaqwe usana olubomvu lulahlwe kumngxunya wangasese eMqanduli.

Amapolisa aseMqanduli aphanda ityala lokuzama ukubulala nokufihla umntwana. Oku kusemva kokuba amapolisa ehlangule usana olusandul’ ukuzalwa kwindlu yangasese kawonke-wonke kwiiFlats zaseDwilli, eNewtown, eMqanduli izolo. Oku kothusayo bakubhaqe malunga nentsimbi yeshumi elinesibini emini(12:10)

Kuvakala ukuba amapolisa abizwe kwindawo yexhwayelo ngabahlali emva kokuba beve usana lukhala ngaphakathi kumngxuma wendlu yangasese. Ekufikeni kwabo baye bakwazi ukuhlangula usana baze babalekisela eNelson Mandela Academic Hospital eMthatha ukuze bafumane unyango. Uphando lokuqala lubonisa ukuba usana lulahlwe kwindlu yangasese kodwa lwasinda ngendlela engummangaliso. Unikwe igama elithi Kungenceba, nto leyo ethetha nje ukuba ngeenceba zikaThixo wahlangulwa ephila phantsi kwezo meko. Iimeko ezijikeleze isiganeko zenza inxalenye yophando. Akukabanjwa mntu okwangoku kwaye uphando luyaqhuba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11.4 ° C
11.4 °
11.4 °
80 %
2kmh
98 %
Fri
16 °
Sat
34 °
Sun
24 °
Mon
29 °
Tue
13 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks