Kubhaqwe usana olubomvu lulahlwe kumngxunya wangasese eMqanduli.

Amapolisa aseMqanduli aphanda ityala lokuzama ukubulala nokufihla umntwana. Oku kusemva kokuba amapolisa ehlangule usana olusandul’ ukuzalwa kwindlu yangasese kawonke-wonke kwiiFlats zaseDwilli, eNewtown, eMqanduli izolo. Oku kothusayo bakubhaqe malunga nentsimbi yeshumi elinesibini emini(12:10)

Kuvakala ukuba amapolisa abizwe kwindawo yexhwayelo ngabahlali emva kokuba beve usana lukhala ngaphakathi kumngxuma wendlu yangasese. Ekufikeni kwabo baye bakwazi ukuhlangula usana baze babalekisela eNelson Mandela Academic Hospital eMthatha ukuze bafumane unyango. Uphando lokuqala lubonisa ukuba usana lulahlwe kwindlu yangasese kodwa lwasinda ngendlela engummangaliso. Unikwe igama elithi Kungenceba, nto leyo ethetha nje ukuba ngeenceba zikaThixo wahlangulwa ephila phantsi kwezo meko. Iimeko ezijikeleze isiganeko zenza inxalenye yophando. Akukabanjwa mntu okwangoku kwaye uphando luyaqhuba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
22.3 ° C
22.3 °
22.3 °
81 %
2.4kmh
100 %
Thu
22 °
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °

EZITHANDWAYO INDABA