Ummi waseTshayina obethengisa kudederhu lweevenkile iChina Town eBeacon Bay ngoLwesine umhla weshumi elinesithandathu (16) udubule wabulala abarhanelwa ababini abebezama ukuphanga ivenkile emva kwemini.
Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi la madoda mabini angaziwayo angene evenkileni emin’emaqanda ngethuba omnye umrhanelwa ebambe umncedisi emva kwekhawuntara.
Uthi omnye umnini venkile othe wakubona oko kwenzekayo, wakhwaza ecela unogada ukuba bamncedise owathi emva koko watshixa amasango.
UColonel Naidu uthi ngethuba abarhanelwa bezama ukunyuka ngaphaya kocingo, umrhanelwa omnye uyewadubula emoyeni, phambi kokuba akhombe umntu owayesecaleni kwakhe ngompu wakhe.
Uthi umthengi owabona oludubulo uye wakhupha umpu wakhe oneempepha-mvume wadubula wababulala bobabini abarhanelwa.
Amapolisa afumana umpu werhasi kunye ne-7.65 kwindawo yolwaphulo-mthetho. Ityala lokuzama ukubulala, elokuphanga nokuzama ukuphanga ishishini livuliwe ukuze kuphandwe

