Amapolisa aseMpuma Koloni adubule abulala abarhanelwa abahlanu (5) ekukholelwa ukuba bayabandakanyeka kuphango lwangoMvulo lwemali kuhola wendlela uN6.
Indlela ephakathi kweMonti neStutterheim ivalwe iiyure ezisixhenxe emva kokuba isithuthi esixhobileyo (AV) sihlaselwe ngaseMacleantown.
Abarhanelwa abaliqela abaxhobe bef’amacala bekwinqwelo yezithuthi ezibiweyo baye baqhushumbisa imoto iAV baza badubula kwimoto yokukhapha iSBV, benzakalisa oonogada abathathu kwaye beba isixa semali esingachazwanga.
Othethe egameni lebutho lokhetshe uKapteni Yolisa Mgolodela, uthi ezintathu (3) zeemoto ezibiwe kumaphondo ohlukeneyo zishiywe kwindawo yexhwayelo.
Uthi uphando lwabo lwabakhokelela kwikhaya elikuQoboqobo apho iqela lemigulukudu lihlasele khona- amapolisa kwanyanzeleka ukuba aphindezele, abulala abarhanelwa abahlanu kule nkqubo.
OoKhetshe bafumene imali kwiingxowa zokuqala zemali, imipu esibhozo (8) iimagazini ezilishumi elinesixhenxe (17) kunye nenani elikhulu leembumbulu.
UKapteni Mgolodela uthi umrhanelwa onamashumi amahlanu anesibhozo (58) ubudala nokwangumnikazi womzi ubanjiwe kwaye kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi eQonce kungekudala.
Kusenjalo, kubanjwe amanye amadoda amathathu (3) aphakathi kweminyaka engamashumi amane anesine (44) ukuya kumashumi amane anesibhozo (48) ephethe iingxowa zemali ezipakishwe ngee-R100 nee-R200, iifowuni ezingalandelelekiyo ngokomkhondo ezine (4) kunye nemoto yohlobo lwePorsche Cayenne ekuxelelwe ukuba ibiwe kwiphondo laseRhawutini
La madoda mathathu azakuvela kwinkundla kamantyi yaseKaladokhwe eNxuba ngoLwesine.
INtloko yePhondo uNjengele Mboiki Obed Ngwenya uvakalise uvuyo lwakhe kwaye wancoma iinzame ezikhawulezileyo ezihlangeneyo ezenziwe liqela leThutyana leCash-In-Transit (CIT) elijongene neeHawks kunye neQela lePhondo lokuPhendula ngoBuchule (TRT) ekufumaneni abarhanelwa beCIT kwisithuba nje esimbalwa.

