I-NEC yeANC ezayo lithuba lokuxoxa nge-GNU

Umhlalutyi wezopolitiko uLevy Ndou uthi iANC kufuneka isebenzise indibano ezayo yeKomiti yesiGqeba seSizwe (NEC) ukuxoxa ngorhulumente womanyano lwesizwe (GNU).

I-NEC ye-ANC yeentsuku ezintathu (3) iza kubanjelwa kwihotele iBirchwood eBoksburg ukusuka ngoLwesine umhla wokuqala kweyeThupha, ilandelwe yiLekgotla yeentsuku ezintathu eza kuqala ngeCawe.

UGqr Ndou uthi iNEC kufuneka iphuhlise umyalezo ocacileyo ekufuneka udluliselwe ebantwini malunga nendlela abaqhuba ngayo kwiGNU.

Esithi ngaxeshanye iANC kufuneka isebenzise eli thuba ijonge izinto ezilungileyo nezingeloncedo, amathuba kunye nobuthathaka kwiGNU kwaye olo vavanyo ngokokubona kwakhe kufuneka lukwazi ukubumba indlela eya phambili yombutho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
21 ° C
21 °
21 °
82 %
2.9kmh
77 %
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °
Tue
14 °

EZITHANDWAYO INDABA