Abecuphi benkonzo yesipolisa baphume iphulo lokugqogqa izigila-mkhuba ezityholwa ngokubulala uCeba bekunye noNobhala wakhe kusasa namhlanje umhla wesibini kuCanzibe ngo2022 malunga nentsimbi yeshumi elinesibini emini emaqanda, kwilokishi yaKwaNobuhle eGqeberha.
Ngokwengxelo evela emapoliseni, uCeba oneminyaka engamashumi amane anesihlanu(45) ubudala ebephuma endlini yakhe kunye nonobhala wakhe(PA/Secretary) oyindoda oneminyaka engamashumi amane ananye(41) ubudala ngexesha lesehlo. Kutyholwa ngelithi xa kanye besondela kwisithuthi sabo, kwathi gqi isithuthi sohlobo lwe(Toyota Quantum) iqonde ngqo kubi. Kuthe kusenjalo kwatsho izithonga zeembumbulu zisitsho kuCeba nonobhala wakhe, nabathe ngelishwa babhubhela kwindawo yexhwayelo. Kuvakala ukuba esisithuthi siye sabaleka emva kwesisiganeko. Inani labarhanelwa abo bebekhwele kuleteksi abaziwa ukuba be ebangaphi okwangoku kodwa uphando lusaqhuba.
Iimeko ezijikeleze esi sehlo ziphantsi kophando. Amatyala amabini okubulala abhalisiwe kwaye akukabanjwa okwangoku.
Ngoko ke, i-SAPS ibongoza nabani na onokuba nolwazi olunokukhokelela ekubanjweni komrhanelwa, ukuba aqhagamshelane nesikhululo samapolisa esikufutshane okanye atsalele umnxeba kule nombolo iCrime Stop ethi 08600 10111.

