17.8 C
King William's Town
Wednesday, December 4, 2024

Asizukuyamkela eyabantwana abasela utywala ngexesha lesikolo.

IQUMRHU LAKWA LIQUOR BOARD LINDWENDWELE ISIKOLO SASE WONGALETHU EMDANTSANE EMVA KOKUBHAQWA KWABANTWANA BESIKOLO BESELA UTYWALA EHIGHWAY EMDANTSANE.

Iqumrhu lesiselo esinxilisayo uLiquor Board kweli leMpuma Koloni liyakubukula ukusetyenziswa kotywala ngabantwana besikolo emva kokuba bedizwe yi-Mdantsane Task Force Crime ngolwesihlanu.

Oku kuza emva kokuba abantwana ababenxibe i-Uniform yesikolo babaphuma kwizikolo ezahlukeneyo bebhaqwe bezintyintya ngesiselo esinxilisayo, kwaye oku bekutshitshiliza nakumakhasi ezonxibelelwano ohlukeneyo. Ukanti isikolo samabanga aphakamileyo i-Wongalethu neVulamazibuko zezinye zezikolo ezinabantwana abafunyenwe besela itywala eHighway.

Iqumrhu lesiselo esinxilisayo u-Eastern Cape Liquor Board  neMdantsane Task Force Crime namaPolisa bandwendwele isikolo i-Wongalethu ukuyokuva ngesisiganeko.  Ukanti umququzeleli weMdantsane Task Team uSiyabulela Naka uthi ayintlanga into yokuba abantwana besikolo banxile benxibe impahla yesikolo, ekwathi basaphanda ngokuba ingaba babufumene njani utywala.

Lo kaNaka uqhube wathi abafuni ababantwana banqunyanyiswe okwethutyana noko basifundile isifundo sabo nakubeni bezolibaziseka kwizifundo zabo, kwaye bacela intsebenziswano nabathengisi botywala ukuba bangabavumeli abantwana abangaphantsi kweminyaka ekubathengiseleni utywala.

Isithethi seliqumrhu uMnumzana u-Msiya emva kokuthethana nesikolo kwakunye neForum ngesisiganeko uthi ikomiti yesikolo izodibana nabazali babantwana ababandakanyekayo besikolo, kwaye bona beliqumrhu bafuna uphanda nzulu ngendlela ababufumene ngayo utywala ababantwana. Uqhube wathi bafuna ubudlelwane nesikolo esi benze iinkqubo zokuxhobisa abafundi.

Ingxelo:Yoliswa Khundulu

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
17.8 ° C
17.8 °
17.8 °
75 %
0.7kmh
65 %
Wed
24 °
Thu
21 °
Fri
29 °
Sat
23 °
Sun
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks