20.1 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

Kudutyulwe wabulawa umrhanelwa ngamapolisa, eMpuma Koloni.

Amapolisa aseMpuma Koloni athi abarhanelwa abathathu (3) baye babanjwa ngelixa omnye eye wasweleka kudubulwano namapolisa eNgqamakwe, ngoMgqibelo umhla weshumi (10) kweyeThupha 2024.

ULieutenant-Colonel Siphokazi Mawisa uthi amapolisa aphendule kuphango loshishino kummandla waseMagodla emva kokuba amadoda amathandathu (6) ephanga umzi othengisayo. Uthi umnikazi wevenkile uye wonzakala emva kokuhlaselwa ngebhoso.

UMawisa uthi amapolisa afumanisa kwangoMgqibelo ukuba abarhanelwa baphi kwaye aye apho kuthiwa abarhanelwa bazimele khona.

“Ekufikeni kwabo endlwini, abarhanelwa badubula amapolisa aza aziphindezela.

“Ngexesha lokudubulana, umrhanelwa omnye onamashumi amabini anesithoba (29) udutyulwe wabhubha, kwaye abanye abarhanelwa abathathu (3) babanjwa kwangoko ngelixa abathathu (3) babaleka kwindawo yesiganeko,” utshilo uMawisa.

Ukwathe amapolisa afumene umpu kunye neembumbulu ezingekho mthethweni, igrosari, kunye nefowuni.

Umrhanelwa obanjiweyo uzakuvela enkundleni kule veki ngezityholo zokuzama ukubulala, ukuphanga ishishini, ukuba nompu nembumbulu ngaphandle kwempepha, kunye nokuba nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
25 %
1.8kmh
26 %
Mon
22 °
Tue
25 °
Wed
30 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks