Yonke into itshayelwe phantsi kwekhaphethi, kwaye le nkundla ayisoze yazi ukuba ityala lalingcoliswe kangakanani na ngenxa yokuziphatha kwakhe.
La ngamazwi athethwe ligqwetha elikhuselayo uPeter Daubermann kwiNkundla ePhakamileyo yaseGqeberha ngoLwesibini, ngethuba kuxoxwa ityala lodlwengulo nokurhweba ngabantu ngokungekho mthethweni elijongene noMfundisi waseNigeria uTimothy Omotoso kunye nabo atyholwa nabo.
Yena, kunye nabanye atyholwa nabo, uZukiswa Sitho, kunye noLusanda Sulani bajongene namatyala olwaphulo-mthetho angaphaya kwamashumi amathathu, aquka ukudlwengula kunye nokuxhaphaza ngokwesondo.
Xa ityala liqhubeka, uJaji u-Irma Schoeman uphulaphule isicelo sommangalelwa sokuba kufakwe amangenelo akhethekileyo kushicilelo lenkundla.
Oku kubhekiselele kwizitenxo nezityholo ezenziwa ngurhulumente.
UDaubermann unoluvo lokuba owayesakuba ligqwetha likarhulumente, uNceba Ntelwa “wathobela” amangqina athile ukuba enze ubumenemene.
Ubhekiselele kwii-imeyile ezininzi phakathi kukaNtelwa kunye nojunior wakhe, u-Advocate Ishmet Cerfontein, eziphathelele kwisityholo sobuxoki malunga nobungqina bengqina elibizwa ngokuba ngu “Jiyane.”
Kumaphepha enkundla, uDaubermann uthe uNtelwa, uCerfontein, uSekela uMlawuli wezoTshutshiso, u-Indra Goberban, kunye namanye amagqwetha amane abandakanyekayo kulo mcimbi bekufanele ukuba babizwe ukuza kunika ubungqina enkundleni ngesifungo kwaye baphoswe ngemibuzo.
“Ndinembono ehloniphekileyo yokuba wena (Schoeman) wenze isitenxo kwinkqubo xa ungakwazanga ukubiza abatshutshisi ukuba banike ubungqina.
“Ngoku asisoze sazi ukuba wacela uJiyane namanye amangqina ukuba enze okufanayo.”
Xa uSchoeman ebuza uDaubermann ukuba ngaba ukuziphatha kukaNtelwa malunga noJiyane “yayingumbango,” akazange avume.
Uxelele uSchoeman ukuba inkundla sele ibukhabile ubungqina bukaJiyani kwaye kufuneka nje enze isigqibo malunga nokuba oko kutyholwa ukuba kwenzeke okanye akunjalo.
“Leyo yinto ekungafuneka iyiphande le nkundla.
“Awunakusichitha isicelo sokungenwa okukhethekileyo ngenxa yokuba ugqibe kwelokuba sisizathu.
“Ndiyavuma ukuba malunga neenyani eziphambi kwale nkundla, sele kubonisiwe ukuba uNtelwa wenza ntoni,” uthethe watsho uDaubermann.
Ume ngelithi xa kuqwalaselwa ukuziphatha kukaNtelwa (izityholo zobuxoki, ukuvula iqela likaWhatsApp apho wayenxibelelana nawo onke amangqina ombuso) yayingafanelekanga kwaphela into yokuba abaphathi bakhe bamvumele ukuba atshutshise eli tyala.
U-Advocate Gerhardt Wolmerans, owasichasayo isicelo egameni lombuso, uthe ukuqingqa ukuba iqela labatshutshisi lizame ukulahlekisa inkundla yinto ekude lee.
Ukwathe izityholo ezingqonge ukutyunjwa kwamangqina zijongwe kakhulu ngexesha lesicelo se-174 somkhuseli.
“Ngoko ke akukho sizathu sokuba iJaji iqhube uphando.
“Ukuza kuthi ga ngoku, le nkundla ayikafumani bungqina bokuba ngenene uNtelwa wamcenga (uJiyani) ukuba enze ubumenemene, nangona kukho ubungqina obuphangaleleyo obukhokelele enkundleni.
Umbuso ukholelwa ukuba akukho zitenxo kwicala leJaji echopheleyo, u-Irma Schoeman.
UWolmerans ucele inkundla ukuba ithathele ingqalelo into yokuba uJiyane usenokuba ebengayazi into ethethwa ngumthetho malunga noMthetho wamaTyala ezeSondo.
USchoeman uza kuwisa isigwebo sakhe ngomhla we-13 kuFebruwari.

