By Nontando Ntsevu.
Ityala lokudlwengulwa kukaCwecwe liye lajika ngendlela eyothusayo, nalapho abeNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (SAPS) bewakhaba ngawo omane amabango okuba kwaqokelelwa iDNA yenqununu yaseBergview College. Oku kuyakhabana neengxelo zangaphambili zoMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu, evusa umsindo nezityholo zokufihla.
Eli tyala libandakanya intwazana eneminyaka esixhenxe ubuncinci ekutyholwa ukuba yadlwengulwa eBergview College, eMatatiele. Esi siganeko sibangele ukugxekwa ngokubanzi, kwaye isikolo sijongene nokucinywa kubhaliso ngenxa yokusilela kwaso ukunika indawo ekhuselekileyo kubafundi.
Ingxabano iqale xa iSAPS ikhupha ingxelo ngomhla wesithandathu kuTshazimpuzi ka-2025, iphika ukuba iDNA yenqununu uye yathathwa. Oku kuyangqubana neengxelo zangaphambili zokuba inqununu yayingenisile kuvavanyo lweDNA. Uluntu ngoku luyathandabuza ukuthembeka kophando kunye nokukrokrela imidlalo yamandla.
Isikhalo sikaWonke-wonke sabemmi boMzantsi Afrika sifuna ubulungisa kunye nokungafihli nto, uninzi lufuna ukuvalwa kwelizwe de kusonjululwe ityala. Amajelo onxibelelwano azele lugcwabevu ngumsindo, uninzi lusithi: “Asizoxokiselwa okanye siqhathwe xa kuthethwa ngokhuseleko lwabantwana bethu, sifuna ubulungisa”.
Nangona kukho ingxwabangxwaba, uphando lusaqhuba, umtshutshisi wombuso ephonononga eli tyala. ISebe lezeMfundo eMpuma Kapa liqalise inkqubo yokucinywa kwamagama eSikolo iBergview College, lixela ukusilela kwayo ukunika indawo ekhuselekileyo.
Ityala lokudlwengulwa kukaCwecwe libangele isikhalo kuzwelonke, nabemi beli befuna ubulungisa nokwenziwa elubala.
Eli tyala lisaqhuba, uluntu luhlala luthe qwa, lutyhalela ukuba ixhoba liphenduleke kwaye lenzelwe nobulungisa.