Inkonzo yemoyezulu ithi kusasa ngoLwesibini iyakuba yeyona ntsasa ibanda kakhulu enyakeni ukuza kuthi ga ngoku.
Kulindeleke ukuba kuchaphazeleke uMzantsi Afrika uphela ukusuka ngeCawe umhla wesixhenxe (7) kweyeKhala ukuya kutsho ngoLwesibini umhla wethoba (9) nanjengoko uthotho lweengqele zityhutyha iNtshona, iMpuma kunye noMntla Koloni sithetha nje.
Ngokwengxelo yeNkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika (SAWS), inkqubo yemozulu yokuqala kolu thotho yingqele eqhaqhazelisa amazinyo ekulindeleke ukuba ichaphazele iindawo ezisentshona nezikumbindi welizwe ukusukela ngeCawe, nakwiindawo eziseMpuma ukusuka ngoMvulo.
I-SAWS ithe le nkqubo kulindeleke ukuba izise ikhephu elixhaphakileyo neliphazamisayo kwindawo eziphakamileyo eziseMazantsi naseNtshona, ihamba nemimoya eyingozi kwindawo engaphakathi kunye nonxweme, ulwandle oluphezulu kwiindawo eziselunxwemeni, kunye neemeko ezibandayo kakhulu kwinxalenye ebalulekileyo yelizwe.
Kulindeleke amaqondo obushushu abandayo kwiindawo eziseNtshona yelizwe ukusukela ngeCawe, kunye neengqele eziqhaqhazelisa amazinyo kwiindawo ezininzi zoMzantsi Afrika ngoMvulo.
Inkonzo yemozulu yathi amaqondo obushushu aphezulu awayi kudlula ko-10°C kwezinye iindawo, ngelixa i(Mercury) ingenakufane idlule ngaphaya ko-4°C kwindawo ephakamileyo.
Inkonzo yemoyezulu ithi kulindeleke imvula enkulu kwiindawo eziseNtshona yeNtshona Koloni, apho kunokwenzeka ukuba kubekho izikhukhula. Uluntu kunye namafama amancinci acetyiswa ukuba athathe amanyathelo afanelekileyo phambi kweemeko zemozulu ezilindelekileyo, ukuqinisekisa ukhuseleko kunye nempilo yezilwanyana zabo.
I-SAWS ithi kungalindelwa imvula emandla kwiindawo zeNtshona Koloni naseMntla Koloni ukusukela ngeCawe, nezandyondyo zemvula ezikhokelela kwizikhukhula ezinokubakho kwiindawo ezisentshona yeNtshona Koloni.
Ukuna kwekhephu elimandla kulindeleke ukuba kwenzeke kwiintaba zeNtshona Koloni nakwimimandla ephakamileyo yasentshona nakumazantsi oMntla Koloni ukusukela emva kwemini ngeCawe, kodwa liza kunabela kwiintaba zeMpuma Koloni ngorhatya.
“Nangona ikhephu elincinane lisenokunabela ukuya kuthi ga ePrieska eMntla Koloni naseBloemfontein eFreystata, ikhephu elinzima nelinokuphazamiseka okuli-15-30cm – elinokukhokelela ekuvalweni kweendlela neendledlana zeentaba, ngokunjalo nokulahlekelwa ngabantu abasesichengeni nemfuyo – ingalindelwa kumhlaba ophakamileyo osemazantsi woMntla Koloni kunye nommandla ophakamileyo wasentshona weNtshona Koloni.”
Ulwandle olurhabaxa kakhulu noluphezulu (nobude obungamaza ayi-6-9m) bekulindeleke kunxweme lweNtshona Koloni kunye noMntla Koloni ngeCawa, lunwenwela kunxweme lweMpuma Koloni ngokuhlwa.
I-SAWS ithe oku kungakhokelela kumonakalo kwiziseko ezingundoqo ezingaselunxwemeni, ukuphazamiseka kwamazibuko, kunye nobungozi kubomi, kwakunye nokubeka umngcipheko kwiinqanawa eziphakathi ukuya kwezinkulu.
Inkonzo yemoyezulu ithi kusasa ngoLwesibini iyakuba yeyona ntsasa ibanda kakhulu enyakeni ukuza kuthi ga ngoku, iindawo ezininzi ngaphakathi elizweni kulindeleke ukuba zijongane nengqele emandla, kulindelwe iqabaka kusasa.
Noko ke, amaqondo obushushu emini kwakulindeleke ukuba abuyele ngokukhawuleza.
Inkonzo yemozulu icebise abahlali baseNtshona Koloni ukuba bahlale bethe qwa kule veki izayo, njengoko ezinye iinkqubo zemozulu yasebusika kulindeleke ukuba zichaphazele lo mmandla.
Zimbini Mdolomba