Umdlali wePirates unikwe isigwebo esixhonyiweyo kwityala le-GBV

Umdlali we-Orlando Pirates, uThembinkosi Lorch, ugwetywe isigwebo esixhonyiweyo ngokubetha isithandwa sakhe uFundiswa Mathithibala.

Uvele kwinkundla kamantyi eRhawutini ngoLwesibini apho agwetywe iminyaka emithathu entolongweni, ngokubetha ngeenjongo zokwenzakalisa umzimba.

Nangona kunjalo, iGunyabantu lezoTshutshiso, lithe isigwebo soxhonywa ngokupheleleyo iminyaka emihlanu phantsi komqathango wokuba angenzi ityala elifanayo.

Isithethi sikarhulumente, uPhindi Mjonondwane, uthi uLorch ukwayalelwe ukuba ahlawule isixa-mali esingange R100 000 kumbutho ongekho phantsi korhulumente, iPeople Opposing Women Abuse (POWA), neR50 000 ehlawulwa kwangoko (ngoLwesibini), kunye nentsalela ngezavenge.

Uthe eli tyala linxulumene nesikhalazo sikaSeptemba ka-2020 esafakwa kumaPolisa aseMidrand ngowayesakuba yintombi awayethandana nayo esakhokelela ekubanjweni kwakhe waze wakhululwa ngebheyile ye-R2000.

UMjonondwane uthi uhlaselo lwenzeke kwindlu kaLorch eMidrand ngomhla wesithandathu kuSeptemba.

Nge-07 kaSeptemba 2020, kulandela isiganeko esenzeke kwindawo ahlala kuyo eMidrand, nge-06 Septemba 2020.

Uthi uMathithibala uthe wayetyelele uLorch xa wayemshiya kowabo esiya kuzikhupha nomhlobo wakhe. Wamthumelela umyalezo kamva njengoko wayemcela ukuba abuyise izitshixo zemoto yakhe.

“Ekufikeni kwakhe, kwabakho ingxabano waza uLorch waba ndlongondlongo ngakuye waza wamkrwitsha, wambetha,” utshilo uMjonondwane.

Uthe umtshutshisi wombuso, uMichele Hart, ubungqina bezonyango buxhasa ubungqina bommangali.

I-NPA ithe izakuqhuba nedabi lokulwa uBundlobongela obuSekwe kwiSini ukukhusela abasetyhini ekuphathweni kunye/okanye ekujoliswe kuzo ngabaphuli-mthetho be-GBV.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
81 %
1.2kmh
93 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
20 °

EZITHANDWAYO INDABA