13.6 C
King William's Town
Wednesday, April 3, 2024

Kwenziwe umsebenzi wokugqogqa nokuhlutha kwindlu kaSomlomo wepalamente

IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) liqinisekise kumajelo eendaba ukuba iphulo lokugqogqa nokuhlutha liqhutywe kwikhaya likaSomlomo wePalamente.

Umzi kasomlomo wepalamente uNosiviwe Mapisa Nqakula ugqogqelwe licandelo loPhando (ID) ngoLwesibini.

Isithethi uAdvocate Mthunzi Mhaga, uthi olugqogqo luhambelana nophando olujoliswe kuSomlomo kodwa wathi akukho nto bazakuphinda bathethe ngayo malunga neli tyala.

Ebutsheni bale nyanga, iEFF, ikhuphe ingxelo emva kwengxelo embi echaphazela uMapisa Nqakula kwityala lokunyoba imali engaphaya kwe-R2.3 yezigidi zeerandi.

USomlomo uyachaphazeleka kwingxelo efungelweyo engeniswe kwisazisi ngumnini woMkhuseli waseLwandle ecebisa ukuba lo gama ebenguMphathiswa wezoKhuselo, wacela ze wafumana izigidi zeerandi zokunyotywa kwemali ezisa kwiingxowa zesipho phakathi kuka-2016 no-2019 ukuze zithuthe iinkonzo zoMkhosi woKhuselo weSizwe waseMzantsi Afrika (i-SANDF)

Kwangolo suku lunye, iDemocratic Alliance (DA) imemelele iKomiti eHlangeneyo yeNdlela yokuziphatha kunye neMidla yamaLungu ukuba iqhube uphando olukhawulezileyo, olungakhethi cala nolubanzi kwizityholo zobuqhophololo ngakuSomlomo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
13.6 ° C
13.6 °
13.6 °
85 %
2.1kmh
15 %
Wed
26 °
Thu
34 °
Fri
18 °
Sat
14 °
Sun
15 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks