Inkonzo yesipolisa yoMzantsi Afrika eMount Road lilumkisa abo bafake izicelo zemisebenzi kwinkonzo yamapolisa ukuba balumkele, nanjengoko kukho umkhohlisi osebenzisa ithuba lokukhohlisa abantu nokunokukhokelela ekufakeni abantu engozini.
Kule veki iphelileyo ubuncinane ngabantu abahlanu(5) abeze ngaphambili, bonke ingamabhinqa abaye bakhohliswa yindoda ekhohlakeleyo nethe yaqhagamshelana nabo ibaxelela ukuba badibane nayo kwisikhululo samapolisa iMount Road apho ibizakubathutha ibase kwindawo abaza kubhala kuyo iimviwo zengqondo nezinye.
Lendoda ke yandule ngokubaxelela ukuba bazakudibana nesithuthi esizakubasa apho kubhalwa khona nangona isithuthi asizange sifike ze baxelelwa kwakho yilo ofisi ukuba bazizamele ngokwabo isithuthi esiya kwiimviwo.
Ngethamsanqa abafaki zicelo abathathu bebephuma kwisikhululo samapolisa iMount Road ngelixa omnye ebephuma eThornhill naseSwartkops, apho baye baxelela amapolisa ngomnxeba lowo bawufumeneyo.
Amapolisa alumkisa kabukhali bonke abafake izicelo kulenkonzo, ingakumbi abasetyhini, ukuba balumke kakhulu kwaye baqinisekise naluphi na unxibelelwano olumalunga neenkqubo zokugaya abasebenzi. Iinkqubo ezisemthethweni zokugaya amapolisa ziqhutywa kusetyenziswa amajelo asemthethweni, kwaye nanini na kufuneka abafaki-zicelo ze kufuneke ukuba badibane nabantu abangagunyaziswanga ukulungiselela iimvavanyo, bayazi basengozini.
Sukuvuma ukudibana nabani na othi uququzelela uvavanyo lwemisebenzi kwinkonzo yesipolisa okanye udibane nabantu kwiindawo ezingekho semthethweni zabucala.
Ukuba kufuneka udibane nomntu ngemicimbi enxulumene nokufunwa kwabasebenzi, cinga ngokukhapha umhlobo omthembileyo okanye ilungu losapho. Ukhuseleko kufuneka lusoloko luphambili.

