13.2 C
King William's Town
Thursday, September 5, 2024

Sikhatyiwe isielo sebheyile yendoda yaseGqeberha kwityala lokuxhwila.

UMnyamzeli Lakhona Tete usaseluvalelweni, ooKhetshe nabomthetho basaphanda ukuxhwilwa kommi wangaphandle.

Sikhatyiwe isicelo sikaMnyamzeli Lakhona Tete (59) sebheyile yiNkundla yaseGqeberha ngomhla wamashumi amabini anesithathu kweyeKhala ngo2024, logama lowo wayetyholwa naye uMzoxolo Eric Grwayibana (38) ekhululwe ngebheyile yeR3000 ngomhla wamashumi amabini anesithathu kuCanzibe ngo2024. Iqela leeHawks, lisebenze ngokuzimisela neCandelo loBuntlola bePhondo loLwaphulo-mthetho (CI) namalungu eMakanda K9 Unit ngomhla we-9 kweyeSilimela ngowama-2024 lijongene nezityholo zokuxhwila.

Ngomhla wesihlanu kuTshazimpuzi ka-2024, kutyholwa ukuba ixhoba elineminyaka engamashumi amathathu nanye (31) lingummi wangaphandle, lalikwishishini lalo eNorth End eGqeberha apho lafikelwa ngabarhanelwa abangaziwayo laze lanyanzelwa ukuba lingene kwisithuthi iOpel Mokka. Ebudeni belo xesha, ixhoba kuthiwa belishiyeke lodwa ngaphakathi kwishishini lalo kwaye likhonjwe ngompu, emva koko lasiwa kwindawo engaziwayo ngabaqweqwedisi. Ixhoba kuthiwa lagcinwe ngabarhanelwa iintsuku ezimbalwa kwaye lafunyanwa emva kweentsuku ezintandathu zesehlo eKariega ezinzulwini zobusuku.

Uphando lokuqala lufumanise ukuba ixhoba kutyholwa ukuba lathuthwa lasiwa kwiidilesi ezintathu ezohlukeneyo eGqeberha. Uphando oluqhutywa bubuntlola olwenziwa leli qela lidibeneyo ludize ukuba ixhoba laligcinwe kwiidilesi ezintathu ezohlukeneyo eGqeberha. Uphando lwakhokelela ekubanjweni komnye wabarhanelwa kwenye yeedilesi. UTete wabanjwa ngomhla we-09 kuJuni 2024 kwaye wavela okokuqala phambi kwenkundla yoMthetho omtsha eGqeberha ngomhla we-12 kuJuni ka-2024.

Kufunyenwe ulwazi olukhokelele kwiphulo lobuntlola eliqhutywa liqela ngomhla we-09 kweyeSilimela 2024. Kutyholwa ukuba umrhanelwa ubhaqwe kwimoto yohlobo lweVolkswagen Tiguan malunga nentsimbi yeshumi elinesithandathu eFort Beaufort .Umrhanelwa wabanjwa kumgama oziikhilomitha ezintathu ukusuka eFort Beaufort, apho umrhanelwa kuthiwa watsiba ephuma emotweni ngelizama ukuphepha ukubanjwa kwakhe. Kutyholwa ukuba wabaleka waya kumatyholo akufuphi nalapho kamva wabanjwa khona. Emotweni, kwakukho inkosikazi yakhe namanye amalungu amabini osapho lwakhe.

UTete uye uvele izihlandlo ezininzi enkundleni ngelizama ukufumana ibheyile kodwa akazange aphumelele, lo mba uhlehliselwe umhla we-09 Septemba 2024 ukuze kuqhutyekwe nophando. Umrhanelwa uvalelwe ukusukela oko wabanjwa.

INtloko yeeHawks kwiPhondo, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya uyibulele inzame edibeneyo yeqela ekuqinisekiseni ukuba umaphuli-mthetho uyayivinjwa ibheyile ngempumelelo kwaye agcinwe eluvalelweni.

SourceSAPS

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
13.2 ° C
13.2 °
13.2 °
89 %
5.2kmh
100 %
Thu
13 °
Fri
17 °
Sat
19 °
Sun
17 °
Mon
14 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks