Umphathiswa wesebe lophuhliso lwamaphandle nohlaziyo lwezolimo, uNonkqubela Pieters, uwukhalimele umba wokukhutshwa kwabantwana kwisikolo samabangaaphantsi, iSobi Lower Primary school, kwilali yaseQaga eQonce. Uhambise ngelithi, “Abanye babantwana bethu basezikolweni. Ngabobani abo thina sithi kubo mabangayi ezikolweni ngexesha lesikolo?
“Asifuni abantwana baphoswe, kwaye silisebe likarhulumente, siyabongoza okokuba ngexesha lenkqubo yesikolo, masingabakupheli ngaphandle, mabajongane nenkqubo ezilungiselelwe bona.” Oku ukuvakalise ngethuba enikezela ngeshedi yamafama asakhulayo kwanahlangeneyo ngomhla wamashumi amabini kweyeKhala.
UMphathiswa uPieters unikezele ngokusesikweni ishedi yokucheba kubalimi boboya kwiqumrhu iMasimanyane Woolgrowers Association. Elisebe lichithe ngaphaya kwesigidi semali, ngelokunceda amafama ashishina ngoboya ukuqinisekisa ukuba uboya bobohlobo, kwaye bungenisa imali elindelekileyo. Eli qumrhu nelikhokelwa nguBanele Yawa, yiprojekti lekhulu leepesenti labantu abantsundu abaphantsi koluntu.
UYawa ugxile kwelokuba uPieters, unomdla kwanomnqweno wokubona uqoqosho lukhula kweli loMzantsi Afrika, kwaye uboya lunegalelo ekulinyuseni izinga lalo. Ukwabongoze kulutsha kwelokuba malusondele nganeno kweli candelo. Uphefumle wenjenje, “Ayifunisi into yokuba ube uneegusha. Ungathatha nezi zakowenu uze nazo. Ukuze ndibe kanti nam ndikulendawo ndikuyo, ndandirhuqwa ngutata xa esiya nezakhe. Ndicela okokuba ningabisarhuqwa, nizizele! Akujongwanga le indaba kuphela, kulinywe nolinywa. Ngoko ke ulutsha mayilubone ukuba indyebo kwalapha.”
Ukanti uSiyavuya Maqela omele umzi wamayeza emfuyo, i-Talitha Pharma, ubonakalise inkxaso kweliqumrhu kwaye egxila kwelokuba, naye umntu omnyama angagqwesa phambili, “Kuluvuyo kum kakhulu ukubona leshedi. Kwaye ukuqinisekisa okokuba iigusha zikhuselekile, kufuneka sihlale siwanika amayeza zingafumani ukugula, kwaye sinakekele uqoqosho loboya.”
Ingxelo: Luviwe Phinda