15.8 C
King William's Town
Tuesday, October 7, 2025

Uyabuya ngokungxamisekileyo uMongameli phesheya

Umongameli weli loMzantsi Afrika uCyril Ramaposa unqumle ngesaquphe uhambo lwakhe lwaMazwe angaphandle ejolise umbombo kweloMzantsi Afrika ngelinge lokuqubisana nengxaki yombane weNkampani kaEskom eyombathe eli.

Isigqibo sakhe silandela intlanganiso engxamisekileyo ebeyimbambe kunye nabo bonke abaphathiswa kwiKhabinethi yakhe ngeCawa umhla we 18 Septemba 2022

Sithetha nje kukho uxinzelelo olukhulayo lwezopolitiko olugunyazisa uMongameli uRamaphosa ukuba abuyele eMzantsi Afrika ukuze ajongane nengxaki yombane nezibangela ucimi-cimi de uye kwinqanaba lesithandathu(stage 6)

Ukanti uMongameli bekulindeleke ukuba abuyele phesheya eNew York xa ephuma emangcwabeni weKumkanikazi uElizabeth ll waseNgilani kodwa ngoku izakubuyela kweli. Umongameli ebekwelaseMelika kwiveki ephelileyo eyokuzimasa icandelo lokuvula ekwinqanaba eliphezulu yeseshoni yonyaka yeNdibano yeZizwe eziManyeneyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.8 ° C
15.8 °
15.8 °
67 %
3.3kmh
52 %
Tue
16 °
Wed
24 °
Thu
27 °
Fri
34 °
Sat
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks