Sivulwe ngokusesikweni isikolo samabanga aphakamileyo iCaguba nezinze kumhlaba waseSajonisi kwiphondo leMpuma Koloni ngomhla we (8 April 2024)
Esisikolo sivulwe nguMphathiswa weSebe lezeMfundo uFundile Gade, kunye nesigqeba sakhe esiquka abasemagunyeni eSajonisi. Ngethuba ethetha nabazali kwintente yomsitho, ugxininise kakhulu kumba wokuwinisekisa ukuba imfundo yezibalo ihoywe ngabafundi nootitshala. “Izibalo mazifundwe ngakangoko kwaye eliphondo kufaneleke ukuba linkqenkqeze phambili kubafundi abagqwesileyo kuzo.” Utshilo
Ukwathe iSebe lezemfundo linoxanduva lokuncedisana nootitshala kunye nabafundi ukuqinisekisa ukuba abantwana bayaphumelela kwaye bakhuselekile ezikolweni. Oku khange kubelula kodwa kunyazelekile ukuba kuthathwe amanyathelo ingakumbi kukhuseleko lootitshala ukuze abafundi bafunde ngaphandle kwenkxalabo nanjengoko ubundlobongela ezikolweni buqatsele.
Isebe lithi lizakuqesha oonogada kwizikolo zePhondo.
Ukanti kwakulomsitho, kukhutshwe izipho kubafundi, eziquka iziqhusheki zangaphantsi(sanitary towels) kunye nezihlangu kwabathile. UMaphathiswa naye wamkelwe ngezishushu izandla ngabahlali nabazali babantwana baseSajonisi.
Kwingxelo yeSebe ikubeke kwacaca ukubaluleka kwalomsitho weliziko-mfundo elikumgangatho ophezulu nelithi liyakubonelela ngeqoqo eliphezulu lemfundo kulutsha lwaseCaguba kunye nakwiindawo ezingqongileyo zaseSajonisi. Ukanti esikolo sixhotyiswe ngobuxhaka-xhaka balemihla, izibonelelo zokuxhasa izifundo kunye nophuhliso lomfundi ngamnye.


