Unqunyanyisiwe utishala waseMpuma Koloni ngelixa kusenziwa uphando ngezityholo zokubethwa umfundi ngoswazi esikolweni. Kuvele imifanekiso kumakhasi onxibelelwano yomfundi wesikolo samabanga aphakamileyo iSandi eNtsundwane, kwisithili esiselunxwemeni iOR Tambo, edumbe isandla kwisityholo sokubethwa ngutishala.
Umphathiswa wesebe lezemfundo eMpuma Koloni uFundile Gade ugxeke kabukhali izikolo ezisasebenzisa isohlwayo sokubethwa kwiminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) emva kokuvalwa kwaso. “Izenzo ezilolu hlobo ezenziwa ngootitshala zifuna ukuhlazisa eli candelo kunye nomsebenzi kuba imibutho emele ootitshala yatyikitya uMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika othe wabhangisa ukohlwaywa ngokubethwa waza wabhengeza ukuba lulwaphulo-mthetho ebantwaneni.
“Simemelela kubemi abathobela umthetho, kuquka nabafundisi-ntsapho, ukuba bazikhwebule kwezi zenzo zikhohlakeleyo. Ukungaphumeleli ukwenza oku kungakhokelela ekuyekisweni kwesivumelwano-sengqesho kwabo bafunyenwe benxa-mnye nomthetho,” utshilo uGade.
Isithethi seli Sebe uMalibongwe Mtima uthe lo tishala unqunyanyisiwe ngelixa kusaqhutywa uphando. UMtima uthe abazali bayakhuthazwa ukuba bavule ityala lolwaphulo-mthetho emapoliseni xa kusenzeka isohlwayo sokubethwa.
“Nakweli tyala, isebe lizakuba kwicala lexhoba kwaye abazali balo bazakukhuthazwa ukuba bavule ityala lokubetha emapoliseni logama isebe liqhuba nophando lwangaphakathi,” utshilo.
Umfundi noontanga bakhe esikolweni baza kuqukwa kucweyo loqeqesho malunga nokuba makwenziwe ntoni na nalapho kuxelwa khona isohlwayo sokubethwa, utshilo uMtima.
“Ixhoba liza kunikwa inkxaso ngokwasengqondweni lisebe equka ukuboniswa kwanengcebiso, kuquka nabazali balo. “UGade ukhuthaze abathathi-nxaxheba ukuba bahloniphe umthetho ngelixa befundisa ezikolweni.”