Kusweleke indoda enamashumi amabini ubudala emva kokubethwa lizulu.

Kubhubhe indoda enamashumi amabini (20) eminyaka ubudala eMpuma Kapa emva kokubethwa lizulu kwilali yase-Ezakatini.

UMasipala wesiThili sase-Amatole uthi esi sehlo senzeke kule mpelaveki kulandela izilumkiso malunga neendudumo ezimandla ezenziwe ngabe-SA Weather Service.

Isithethi se-AMD, uSisa Msiwa, uthi le ndoda ibikwi khaya layo ngethuba lesehlo ngoMgqibelo.

UMsiwa uphefumle ngelithi, ngenxa yesi sihelegu, iinzame zokusebenzisana sele ziqalisiwe eziquka iQela leeNtlekele kwisithili sase-Amathole kunye nesebe lophuhliso loluntu eMpuma Kapa ukunika inkxaso noncedo oluyimfuneko kusapho oluchaphazelekayo.

Ukwathe abahlali mabaqhagamshelane nooCeba beeWadi zabo ngazo naziphi na iingxelo zomonakalo owenziwe kumakhaya neziseko ezingundoqo ukuze babonelele ngenkxaso kwangethuba.

Uvale ngelithi iingcinga zabo zikusapho oluchaphazelekayo ngeli xesha linzima.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.1 ° C
23.1 °
23.1 °
79 %
2kmh
83 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA