26.4 C
King William's Town
Sunday, July 20, 2025

Kutshayiswe kwabhubha abahambi ngeenyawo ababini ngaseQonce

Ngabantu ababini abangabahambi ngeenyawo abaphulukene nobomi babo kwiziganeko ezibini ezahlukeneyo kwiindlela zaseMpuma Koloni phezolo.

Omabini amaxhoba endlela aphulukene nobomi babo eQonce ngaseQuzini uR346 kwindlela ebheke eStutterheim ngelixa enye yenzeke e-Elliotdale ngaseFameni ngasesibhedlele saseMadwaleni. Eyokuqala ibe sisisehlo sokutsayisa kweemoto, imbonzeleka kowasetyhini obezihambela ngeenyawo malunga nentsimbi yesithandathu malanga kwindlela uR346 eQonce esingise eStutterheim ngaseQuzini.

Ixhoba, ebelisaphila emva kwesi sehlo, ze lafumana uncedo kubantu abebedlula emva kokuba isithuthi esimtshayisileyo sithe sabaleka. Uye wasiwa kwisibhedlele saseGrey eQonce apho athe wabhubhela khona ngenxa yokwenzakala kwakhe.

Emva kwemini kwindawo yaseFameni esingise kwisibhedlele saseMadwaleni e-Elliotdale indoda ithe nayo yatshayiswa, Ixhoba liwiswa yimoto yohlobo lweToyota Yaris ekwazileyo ukuma yanika ixhoba uncedo oluyimfuneko. Ixhoba eliyindoda endala libhengezwe ukuba libhubhile kwindawo yexhwayelo ngeenkonzo zikaxakeka. Iimeko zingqonge unobangela wezi ngozi zimbini akukaziwa okwangoku nanjengoko kusaphandwa.

Amatyala okubulala ngokungenanjongo avuliwe kuzo zombini ezi ziganeko.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
26.4 ° C
26.4 °
26.4 °
23 %
5.5kmh
66 %
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
12 °
Wed
23 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks