13.8 C
King William's Town
Wednesday, November 13, 2024

Utsho epalini, ukhala yedwa okanye angabanjwa u 10111 eMpuma Koloni

UMphathiswa wezokhuseleko loluntu kwiphondo leMpuma Koloni, uXolile Nqatha, uthi Ngelixa amaziko omnxeba ka-10111 kaxakeka angqonge iMpuma Koloni engakwazanga ukuphendula iminxeba, amanye ayiyeka ingaphendulwa, kwaye engakwazi ukunika uncedo lwemfonomfono kwabo bafowunayo, amanye amaziko okutsalela umnxeba awanazo iinkqubo zokulunganisa nayiphi na kwezi zingasentla.

Ephendula kwimibuzo yelungu leDA ePalamente uBobby Stevenson uNqatha uthi lemiceli-mngeni ibikhona phakathi konyaka-mali ka-2021/2022 kunye no-2023/2024.

Iidolophu ezichatshazelwa kokuqulethwe yimpendulo kaNqatha iquka iKomani, iGqeberha, iMonti, naseMthatha. Kusenjalo uthi eKomani naseMthatha akukho zixhobo zokulunganisa iminxeba eyonakeleyo logama eGqeberha kungaphendulwanga iminxeba engama-57 455 yaza yangama-22 505 eMonti. Oku kubandakanya ukuqala konyaka-mali ka-2023/2024 ukuya kutsho nge-15 kaFebruwari. Ukanti iminxeba edrotshiweyo (dropped) eMonti ifikelele ku-44 600 ngo-2021/2022 ne-27 712 ngo-2022/2023 logama eGqeberha kudrotshwe iminxeba engama 110 493 kunyaka-mali ka 2021/2022 nengama 99 60 ku 2022/2023

UMphathiswa uthe “Akukho nkqubo isebenzayo ikhoyo Impazamo ixelwe kwabajongana ngobuxhaka-xhaka beemfono-mfono iTMS ukuba bazokulungisa le ngxaki. kwaye silindele ukulungiswa,” ukwathe le ibiyimpendulo abayifumanayo eMthatha kunyaka-mali 2021/2022, 2022/2023, 2023/2024 de kube ngumhla weshumi elinesihlanu kuFebruwari kulo umiyo. Kusenjalo ngokuphathelele neKomani kwangexesha elifanayo lo mba uye waxelwa kwaye iTMS ibixakekile yinkqubo yokufaka inkqubo yeCISCO kwiZiko loMkhosi.

Umasipala ombaxa weBuffalo City (BCM) ufumene iminxeba engama-248 486, 248 612, kunye nama-289 225 eminxeba kwiminyaka-mali emithathu ngokulandelelanayo. Nangona kunjalo, iNelson Mandela Bay (NMB) iphinde yahamba phambili kuluhlu ngama-527 312, 451 242, kunye nama-359 132 kwangelo xesha. UMthatha kwakhona, awunazo iinkqubo konke konke.

Iimeko zokungahoywa kwamatyala ngenxa yokungafumaneki kweeveni eBuffalo City zichazwe njengenye ngo-2021/22 nango-2022/23 nezithathu ngo-2023/24. Akukho tyala libikiweyo e-Nelson Mandela Bay kwaye libe linye kuphela eMthatha kunyaka-mali ka-2023/24.

“Amaziko okutsalela umnxeba ka-10111, enzelwe ukunceda abo basweleyo nabo basengxakini, nangona le ngxaki isiwe kuMphathiswa weSebe lezoKhuseleko loLuntu uXolile Nqatha kwiminyaka emibini edlulileyo, akukho mpucuko ingako. Abemi abasesichengeni balahliwe ngexesha labo lentswelo, banyanzelwa ukuba bajongane noloyiko, ubundlobongela, okanye ingxaki bodwa kwaye bazikhusele ngenxa yokuba iminxeba yabo yokucela uncedo ishiywa nje ingaphendulwa. Xa kukho umntu obetha ucango efuna ukungena, kufuneka inkonzo yesipolisa iphendule,” utshilo uStevenson. Uthe amapolisa kufuneka ihlaziye ngokukhawuleza iinkqubo zayo zangoku ezimiselwe ku-10111, ngakumbi njengoko ibanga ukuba inabasebenzi abaninzi. Uthi Inombolo ye-10111 yeyongxamiseko kwaye, ubuncinci, ifuna impendulo yamapolisa, watsho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
13.8 ° C
13.8 °
13.8 °
85 %
2.2kmh
100 %
Wed
14 °
Thu
20 °
Fri
27 °
Sat
28 °
Sun
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks