Phezolo abakhuseli bendebe yokuqala(1) yalesizini iOrlando Pirates iye yabanjwa ngxi liqela laseKapa lebhoka ekhatywayo iCape Town City ngethuba lamaqela mabini(2 ) ebambana ngenqaku elinye macala(1-1) kumabala iDHL eNtshona Koloni ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kule yeThupha inyanga.
Lo ibingumdlalo weMTN8 kumandulela kamagqibela kankqoyi kumlenze wokuqala(1). Nangona kunjalo iBhakabhaka lifake inqaku elibalulekileyo kuba ibidlalela ekuhambeni.
Ibuye ngasemva ngenqaku iCitizen emva kokufaka kuqala(1) inqaku iPirates. Ibe kumzuzu weshumi elinesihlanu(15) kwisiqingatha sokuqala(1) somdlalo apho IPirates iye yafaka inqaku ngenyawo likaRelibohile Mofokeng kwibhola ayinikwe ngumdlali wangasemva wePirates ekude uThabiso Sesani waze uMofokeng wagqitha kuThamsanqa Mkhize phambi kokuba aqhathe unozinti Darren Keet nophantse wayinqanda.
Inqaku leCity nelokulinganisa lifakwe nguJaedin Rhodes noqhathe unozinti wePirates uSipho Chaine kumzuzu wamashumi amathandathu ananye(61).
Lomdlalo ibingumdlalo ebekubolekiswana ngawo kuba kwisiqingatha sokuqala(1) somdlalo ibiyiPirates ebikhonya saze esesibini(2) saphathwa liqela leCape Town City. Nangona kunjalo lamaqela awakwazanga ukusebenzisa amathuba ebebenawo.
USipho Chaine ubengumdlali obalaseleyo womdlalo emva kokunqanda amanzi engena endlini kunjalo nje ubambe iibhola ezinzima ezintathu(3) ukutsho oko ibe nguye obeme phambi kwempumelelo yeCity kulomdlalo.
Kungoku nje lamaqela mabini(2) azakudlala umlenze wesibini(2) wamandulela kamagqibela kankqoyi NgoMgqibelo umhla wamashumi amathathu ananye(31) kule imiyo inyanga yeThupha.
By Siphiwo Boqwana