UMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu uzakukhupha ingxelo yezibalo zolwaphulo mthetho kwisiqingatha sokuqala sonyaka.
Le ngxelo ibonisa ukuba ulwaphulo-mthetho olunongonyamelo luya lusanda yaye amawakawaka awachazwanga. Ifumanise ukuba ngaphantsi kwesiqingatha samaxhoba okuqhekezwa axela ulwaphulo-mthetho emapoliseni.
Le ngxelo isekelwe kuphando olwenziwe kumaxhoba olwaphulo-mthetho, ngelixa iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zelizwe zisekelwe kwiziganeko ezixelwe kwizikhululo zamapolisa kunye nolwaphulo-mthetho olufunyenwe ngamapolisa.