Ngumkhwetha omnye ophulukene nobomi bakhe logama omnye elimele ngokumasikizi emva kokubethwa lizulu kwilokishi yaseNu15 eMdantsane emva kwentsimbi yesihlanu(17:00)malanga kusuku lwanamhlanje.
Ngokwengxelo yesithethi samapolisa uBrigadier Thembinkosi Kinana uthi amapolisa ase Nyibiba alunywe indlebe ngesisiganeko ze aleqa kwindawo yexhwayelo, nalapho afike umfana olinganiselwa kwiminyaka elishumi elinethoba(19) eswelekile ngezityholo zokubethwa lizulu kwaye oneminyaka elishumi elinesixhenxe(17) uthe wafumana umonzakalo omandla ze owesithathu kubo avakhwetha akabanawo nomqhwithi.
Lo kaKinana uqhubame ngelithi ityala livuwe, ngethuba amapolisa ephanda unobangela wesisiganeko. Iimeko zemozulu kweliphondo zithande ukubambi kakhulu nanjengoko isichotho sonakalise ze sawisa izindlu zabantu kwiindawo ngeendawo.

