Ndiyazixhasa iinkokheli zakwaEskom ukuba zisenako ukusihlangula kulocimi-cimi wombane.

Usekela Mongameli weli loMzantsi Afrika uDavid Mabuza uthi, lingehla ixabiso lombane ukuba uEskom ukhuphisana namanye amashishini aphehla umbane. Oku ukuthethe ePalamente eKapa izolo, ngethuba ephendula imibuzo okokugqibela kulonyaka.

Ukanti lenkampani yakwaEskom icele ukunyusa amaxabiso ombabe kulonyaka uzayo. OkaMabuza uthi, ukuba oMasipala beli bayakwazi ukuzenzela amacebo ngothululo lombane olusemthethweni kwaye ongaxhomekekanga kuEskom kuzakufuneka akusebenzise oko, kuba lenkampani iyoyisakala. Ukwakholelwa ukuba unxinzelelo lungehla kuEskom xa inokukhuphisana nezinye iinkampani ezinako ukuphehla umbane eMzantsi Afrika. Nangona kunjalo ukwathe uyazixhasa iinkokheli zakwaEskom ukuba zisenako ukusihlangula kucimi-cimi wombane.

Ukwathe isigqibo sikaMphathiswa wezimali uEnock Godongwana sokunqumamisa inkxaso mali eya kwiinkampani zikaRhulumente azizukumchaphazela uEskom, koko oMaspala abanamatyala kulenkampani mabayibhatale kuba batyala imali engaphaya kwamashumi amane ezigidi zerandi(40 billion)

Ukanti uzikhabile konke konke izityholo zokuba inkampani yakwaEskom izakuthengiswa kwaye uRhulumente weli ngoku uzimisele ukuxhasa amafama asakhasayo nokuphuchula inkqubo yokubuyiselwa kwemihlaba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.1 ° C
23.1 °
23.1 °
79 %
2kmh
83 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA