20.2 C
King William's Town
Tuesday, April 16, 2024

Inkulumbuso igxale emswaneni ikuyokuxhasa abo bonakalelweyo izolo.

Inkulumbuso yePhondo leMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane indwendwele uluntu oluthwaxwe sisaqhwithi kutsha nje, kwingingqi yaseKing Sabata Dalindyebo eMhlontlo kumasala ophantsi kweSithili saseO.R Tambo izolo.

INkulumbuso uMabuyane ukwadlulise amazwi ovelwano kwiintsapho zabemi abathandathu(6) nabathe baphulukana nobomi babo kulandela imozulu embi nethe yenza umonakalo omkhulu kula mmandla. Oku kwenzeke ngomhla wesithoba kwinyanga yoMnga ka2021, ishiya abantu abalishumi elinethoba(19) bonzakele emva kokudilikelwa zizindlu zabo.

Uphononongo lokuqala lomonakalo owenziweyo luveze ukuba iindawo ezintathu kooMasipala bengingqi iKing Sabata Dalindyebo zifumene umonakalo omkhulu ezindlini. Ukanti iilali ezichaphazelekileyo yiQolweni eSgubudwini, iNtilini eLower Xongora kwakunye neNdungwane. Ezinye iilali zibe nomonakalo owenze kwathi saa.

KwiKing Sabata Dalindyebo(Local Municipality), imozulu enenkqhwithela ishiye iintsapho ezingamashumi asixhenxe anesixhenxe(77) zingodingindawo, logama ezilishumi elinesihlanu(15) nazo zonakalelwe ngamakhaya azo ze ezine zishiyeke zinxunguphele.

Imfuyo ayisindanga nanjengoko iigusha, iibhokhwe kunye neenkukhu zithe zafa sesisichotho. Isikolo sabantwana abancinci iSiyazama Ntilini naso sonakele. Iziseko ezingundoqo ezifana neentambo zombane kunye neebhokisi zemitha yombane nazo zonakalisiwe yilemozulu.

Kusenjalo, ibhulorho yaseGqunu kwaWadi 17 eMhlontlo iye yakhukuliseka yimvula.
UMasipala weSithili i-OR Tambo, ukhokele iinzame ezihlangeneyo zokunceda amakhaya achaphazelekayo, uye wacela iminikelo wokutya kunye nezakhiwo zethutyana njengenyathelo lokungenelela olungxamisekileyo kwabo
baye bachaphazeleka.

Urhulumente wePhondo ubongoza uluntu olusebunzimeni ukuba luqhagamshelane neZiko loLawulo loMngcipheko weeNtlekele ku-047 501 6494 okanye luthumele umyalezo kuWhatsApp ku-073 205 6465

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
87 %
3.9kmh
99 %
Tue
20 °
Wed
31 °
Thu
29 °
Fri
30 °
Sat
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks