11.5 C
King William's Town
Sunday, September 8, 2024

Ude wabufumana ubulungisa umtwana, owashiywa lwelokufa yindonda eyamdlwengula ze yamkhupha amehlo.

Isidlwengu sentyendana elineminyaka engamashumi amabini anesithathu(23) ubudala sibanjwe iminyaka engamashumi amathathu sithothoza ngapha kwezisele ezimnyama, elityendana ligwetywe yinkundla yaseNtabankulu.

UVelisani Mngani(23), ubanjelwe ukudlwengula le ntwazana kunye nokukhupha amehlo omtwana oneminyaka elishumi elinesithandathu ubudala emshiya engasaboni tuu.

UMngani unqwalile enkundleni ukuba wayezithwabazela ehlathini kwilali yaseNgombonqani EmaXesibeni ngexesha ebona umntana wesikolo ezihambela yedwa, ngomhla weshumi elinesihlanu kuTshazimpuzi ngonyaka ka 2022.

“Elityendana laxhwila lentwazana layitsalela ehlathini, layidlwengula amatyeli amanintsi apho ixhoba lazama ngako konke ukuzilwela kodwa lohlulakala,” Igunya bantu lezotshutshiso ephondweni.

Ukongeza uMngani wathi wakugqiba ukuzenzela wonzakalisa kanobomi umtwana kwaye egqibile ukuba ixhoba eli uligqithisa amafu kuba wayengafuni ukuba limolathe ngenxa yokuba behlala kwilali enye. UMngani walikrwitsha ixhoba, esebenzisa isixhobo esibukhali de walikhupha amehlo elishiya lidunduluze apho.

Ingqwetha lezomthetho uChumile Mkentane khange ahleke nabhokhwe ngexesha ewisa isigwebo. Intloko yegunya bantu lezotshutshiso ephondweni uBarry Madolo, uliqhwabele izindla igqwetha ebelichophele elityala. Ukanti umtwana nolixhoba lwesisiganeko, usePitoli efumana uncedo kwisikolo esizakuncedisana naye kwimeko yokujongana nobomi engaboni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11.5 ° C
11.5 °
11.5 °
80 %
2.1kmh
100 %
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °
Thu
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks