UMalema uyalele amagqwetha ukuba aqhoboshele umzi kaZuma eNkandla

Inkokeli ye-Economic Freedom Fighters (EFF) uJulius Malema iyalele amagqwetha ombutho wakhe ukuba aqhoboshele umzi kalowo wayesakuba ngumongameli uJacob Zuma eNkandla ngenxa yemali ayityala i-EFF. UMalema uthi uZuma usebenzise le mali ukuhlawula amagqwetha kwimingeni yakhe yezomthetho.

Ingxelo yakhe iza emva kokuba amalungu amaninzi eqela, kuquka nowayesakuba ngusekela wakhe uFloyd Shivambu wavukela kumbutho kaZuma uMkhonto weSizwe (MK).
UMalema uthethe namalungu eEFF ebebambe umngcelele esiya kwiNkundla yoMgaqo-siseko eRhawutini izolo.

Uthe kubalandeli, onke amatyala abawaphumeleleyo angakuJacob Zuma, akazange azihlawule iintlawulo zobugqwetha. UZuma ubatyala imali yezomthetho kwaye banomyalelo wokuba makababhatale imali kuba bamoyisa enkudleni. Ngoku akawuthobelanga lo myalelo wokuhlawula imali ye-EFF. Ukwathe basandul’ ukuyalela igqwetha labo ukuba liye kuqhoboshela umpu ukuze le ndoda ihlawule imali yabo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA