Umfana oneminyaka elishumi elinethoba uzakuvela enkundleni yaseKuils River namhlanje ngezityholo zokuhlukumeza umakhulu wakhe.
ULuvo Ngqaza oneminyaka elishumi elinethoba (19) ubudala uza kuvela kwinkundla kamantyi yaseKuils River, eKapa, namhlanje umhla wesihlanu (5).
Lo mfana ubanjiwe izolo emva kokuba ividiyo yakhe ebonakala ebetha kwaye ethuka umakhulu wakhe isasazwe kumakhasi onxibelelwano. Emveni kokutyhutyha kwale vidiyo, amapolisa aseKuils River aphande umkhondo wakhe za wafunyanwa kumatyotyombe aseWallecedene, eKraaifontein. Kukwatyholwa ukuba lo mfana kudala emhlukumeza umakhulu wakhe kwaye emxuthela nemali yendodla.
Amapolisa awulandele lo mba kulandela umsindo kumakhasi onxibelelwano abemi bomzantsi Afrika besithi makabanjwe. Ixhegokazi lona lifunyenwe esibhedlele, kodwa walile ukwenza ingxelo kwaye ammangelele umzukulwana wakhe, kodwa amapolisa kunye noGunyaziso lezoTshutshiso likaZwelonke avula ityala ngokwabo.
Abaphandi bathi esi sehlo senzeke kweyeKhala, nangona kunjalo, amalungu osapho alwamnkele uncedo lwamapolisa.

