20.2 C
King William's Town
Tuesday, April 16, 2024

Ncedani bethuna, ushiye iintsana zodwa ekhaya

Amapolisa aseMdantsane aphume iphulo ekhangela owasetyhini, noneminyaka engamashumi amabini anesibhozo(28) ubudala. Lowasetyhini kuvakala ukuba ulahleke kwindawo asebenzela kuyo eBerea eMonti.

UNoluthando Tshali waseNu1 eMdantsane, wagqityelwa ukubonwa ngoLwesine umhla we(2 December 2021) ephuma kwindawo asebenza kuyo eseBerea eMonti malunga nentsimbi yesibini(14:00) emva kwemini. Kuvakala ukuba akazange afike ekhaya ukuza kuthi ga ngoku.

Ngethuba lokuduka kwakhe ebenxibe ijezi emnyama, ihempe enemigca eblowu, ibhulukhwe emnyama kunye neetakki ezimnyama.

UTshali, ngumama wabantwana ababini, omncinci ononyaka omnye(1) kuphela(inkwenkwe) ezelwe kunye noneminyaka esibhozo(8) ubudala. Kwakhona ekhaya uhlala nodadewabo omncinci eNu1, oneminyaka elishumi elinesithandathu(16) ubudala.

Banexhala ekhaye nanjengoko kushiyeke abantwana bodwa.Kucelwa nabani na onolwazi malunga nalowasetyhini udukileyo atsalele umcuphi uKapteni uPik Swart ku-072 732 5960 okanye ku-Crime Stop 08600 10111
Ukanti ukhangelwe uTshali kamsinya nje emva kokuba exelelwe amapolisa ngokulahleka kwakhe ngoLwesihlanu, umhla we3 December 2021 malunga nentsimbi yeshumi(21:25) kodwa akwabikho thamsanqa. Uphando lusaqhuba

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
87 %
3.9kmh
99 %
Tue
20 °
Wed
31 °
Thu
29 °
Fri
30 °
Sat
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks