20.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Ngabasetyhini ababini(2) abafunyenwe bedutyulwe eGqeberha.

Abacuphi kwinkonzo yesipolisa Kwadwesi bafuna uncedo kuluntu ekufumaneni umkhondo wesizalwane sabasetyhini ababini ababhaqwe begetyengwe ngobusuku bangoMgqibelo umhla we(19 March 2022) kwindawo yaseJoe Slovo eGqeberha.

Kutyholwa ukuba ngomhla okhankanyiweyo phezulu malunga necala emva kwentsimbi yesixhenxe(19:30) la mabhinqa mabini afunyanwe ethe dundululu ethafeni elisecaleni kwendlela. Omnye kubo enamanxeba amabini okudutyulwa sele ebhubhile kwindawo yesiganeko ngelixa omnye ebenenxeba lokudutyulwa ebunzi ze ngelishwa wasweleka ngosuku olulandelayo, esibhedlele.

Kukwavakala ukuba omabini la mabhinqa abekunye ngethuba edutyulwa kwaye injongo yoku kuquka nabarhanelwa ayikaziwa okwangoku.

Omabini la mabhinqa akwaziwa ukuba ngoobani. Baphakathi kweminyaka eyi(25-30) ubudala. Elinye ixhoba kuvakala ukuba lisuka Kwazakele ngelixa elinye ixhoba linombhalo(tattoo) kwingalo yasekunene ebonisa incwadi evuliweyo. Ebenxibe ihempe yegalufa ebhlowu kunye neblukhwe embala mnyama.

Amapolisa aphanda amatyala amabini okubulala kwaye abongoza kuye nabani na onokuthi ancedise ekuchongeni okanye ekukhangeleni izalamane zawo. Naziphi na iinkcukacha malunga nezazisi zabo okanye iimeko ezinxulumene nokubhubha kwabo zingabhengezwa kuD/Capt Shelley Shepherd oseSAPS Kwadwesi ku-071 362 8707 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane nabo. Lonke ulwazi luyimfihlo kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
48 %
3.4kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
25 °
Sat
29 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks