19.7 C
King William's Town
Thursday, December 5, 2024

Urhulumente wePhondo uthi uzama ukuzisa izindlu ezisemgangathweni kuluntu lwaseMpuma Koloni

UMphathiswa wezokuHlaliswa koLuntu eMpuma Koloni, uNonceba Kontsiwe umemelele bonke abachaphazelekayo kwicandelo lokuhlaliswa koluntu ukuba babambisane nesebe ekuphumezeni injongo yesicwangciso-qhinga sokubonelela ngeendawo zokuhlala ezisemgangathweni, ezihlangeneyo nezizinzileyo.

UMphathiswa uKontsiwe ebesenza intetho yakhe kwindibano yothetha-thethwano nabachaphazelekayo kwiPosi yoMgaqo-nkqubo eMonti izolo. UKontsiwe ubethelele ukukhawuleziswa konikezelo lwezindlu. Uthe, umphathiswa uMmamokolo Kubayi ubahlawulise ukuba bakhawulezise ukuhanjiswa kwezindlu kweli phondo nanjengoko ilushishino olungxamisekileyo. Uqhube wathi, Ishishini elingxamisekileyo xa kusekho abantu abadala abahlala kwizakhiwo zodaka, xa kusekho abantu abakhubazekileyo abagxothiweyo, xa kusekho amagqala omkhosi angenamakhaya kunye nabantwana abangenamakhaya.

Ukongeza apho uKhontsiwe uthe, kufuneka basebenze nzima ukuze bangasileli. Phakathi kwabo bebezimasile nguSekela Mphathiswa kuzwelonke uPam Tshwete. UTshwete ugxininise ekukhawuleziseni ukukhutshwa kwetayitile njengenxalenye yokubuyisela isidima sabaninimzi. Uthe, kufuneka bawukhawulezise umba wetayitile. Ngaphezu koko uthe, bade bakhuphe izibonelelo kumaphondo kodwa umothuse uninzi lwamaphondo xa engena kweli sebe bengasisebenzisi eso sibonelelo. Ukubuza Inokuba yintoni ingxaki? Intloko yeziko lemfundo ephakamileyo kwiYunivesithi yaseFort Hare, uGqirha Luvuyo Dondolo, uncome isebe ngomsebenzi eliwenzayo – esithi kukho iindlela ezintsha zokuphucula indlela elihambisa ngayo iinkonzo.

Uthe ngokokubona kwakhe isebe kufuneka liphucule nakumgangatho hayi nje ubungakanani bezindlu. Ukuchaza ukuba Akunakwenzeka ukuba kukho uhlahlo lwabiwo-mali lokulungiswa kuba oko kunika indawo yeempazamo. Ukwavakalise ukuba kukho imfuneko yokuphinda kuqwalaselwe ucwangciso lwesithuba ukuze lube nobuntu kubantu ababekade bejongelwe phantsi ngenxa yokucwangciswa kwesithuba socalucalulo. UKontsiwe uthe isebe kuzakufuneka liqinise intsebenziswano nabachaphazelekayo ukuya phambili. Uqhube wathi, elisebe lakube liyasilela xa kusekho abantu abadala abahlala kwizakhiwo zodaka, xa kusekho abantu abakhubazekileyo abagxothiweyo, xa kusekho amagqala omkhosi angenamakhaya kunye nabantwana abangenamakhaya. Ukongeza apho uKhontsiwe uthe, kufuneka basebenze nzima ukuze bangasileli.

 

Ingxelo: King Mfundisi 

Edited: Mvaba Dumezweni

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.7 ° C
19.7 °
19.7 °
72 %
4.6kmh
99 %
Thu
19 °
Fri
28 °
Sat
20 °
Sun
30 °
Mon
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks