Umphathiswa wesebe lezothutho eMpuma Koloni uXolile Nqatha ukugxekile kabukhali uhlaselo lwabaqhu bebhasi ingakumbi eyaseMayibuye kunye nezakwaAB350. Ezinkampani zombini zezibhasi zibonelela ngeenkonzo zothutho kwindawo ezingathathi-ntweni zasemaphandleni kweliphondo.
Uhlaselo lwamvanje lwenzeke kwilali yaseZingcuka kuQobo-qono nalapho kudutyulwe umqhubi webhasi yaseMayibuye ze wabhubha ngethuba esemsebenzini.
Lomqhubi ebekhwelisa abakhweli babebesuka edolophini ngethuba kungena indoda engaziwayo ebhasini. Kutyholwa ngelithi uye wangqala ngqo kumqhubi wadubula izihlandlo ezininzi esiswini phambi kokuba aphume ebhasini.
Umphathiswa wesebe lezothutho uXolile Nqatha ukholelwa ukuba amapolisa xa enokusebenzisana noluntu bangenza umahluko omkhulu kwanobulingisa kusapho lomfi kwaye bagwetywe umenzi wobubi.
UMphathiswa uNqatha ukwahlabe ikhwelo lokuba kusetyenzwe ngakumbi kwintsebenziswano phakathi kwamapolisa nabo bonke abaqhubi bezithuthi zikawonke-wonke kuquka neebhasi kunye noshishino lweeteksi ukuze kuqine ukhuseleko kunciphe ubundlobongela.
Ukanti isiganeko sokudutyulwa komqhubi weBus yakwaMayibuye siza emva kokuba kungekudalanga kutshiswe ibhasi ezine zakwaAB350 kwiinyanga ezimbiniezidlulileyo. Ezimbini kwezo bhasi zatshiswa eCacadu (Lady Frere) malunga neeveki ezimbini ezidlulileyo.
Olu hlaselo lucaphule ezinkampani izigidi zeerandi kuphela kwizinto ezitshatyalalisiwe. Olu hlaselo lukwashiya uluntu ludidekile kwaye lunoloyiko. Kubekubi kakhulu kuba abantu baxhomekeke kwezizithuthi ukuya kwiinkonzo ezingundoqo.
UMphathiswa uNqatha ukubethelele ukuzimisela kwakhe ukusebenzisana neebhasi kunye noshishino lweeteksi ukubuyisela uxolo nozinzo kwicandelo lezothutho loluntu, ukuze kuxhamle abaqhubi nabakhweli ngokufanayo.