21.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Nqanda! kungafiwa ngenxa yemali zeBhonasi.

Uzakuvela enkundleni yamatyala owasetyhini nonemimyaka engamashumi amahlanu ananye ubudala(51) emva kokubanjwa kwakhe ngamapolisa ngezityholo zohlaba abulale isithandwa sakhe kulandela ingxabano ngemali yebhonasi(13th cheque) eCookhouse izolo elinye.

Ngokwengxelo yenkonzo yesipolisa, Lwesithathu, umhla we15 kweyoMnga 2021 malunga nentsimbi yeshumi elinesibini ebusuku(23:50), indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo(38) ubudala, ibihamba kwisitalato iRaymond Mhlaba kwilokishi yaseBongweni(Cookhouse), ngethuba intombi yayo imkhapha.

Kuvakala ukuba esisibini sibandakanyeke kwingxabano emfutshane nethe emva koko yenza lowasetyhini umsindo ze wahlaba iqanane lakhe kanye kumzimba ongasentla. Ngelishwa Akhona Sondlo(38), ubhengezwe njengobhubhileyo kwindawo yexhwayelo.
Ukanti kukholelwa ukuba ingxabano le ibimalunga nemali yebhonasi.

Lenkosikazi eneminyaka engama-51 ubudala ibanjiwe kwaye iza kuvela kwinkundla kamantyi yaseSomerset East ngoMvulo, umhla we 20 kweyoMnga 2021 ngezityholo zokubulala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
21.2 ° C
21.2 °
21.2 °
48 %
5.9kmh
30 %
Wed
21 °
Thu
22 °
Fri
26 °
Sat
27 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks