27.7 C
King William's Town
Sunday, February 9, 2025

UMABUYANE UYAZIBHEBHETHA IINGXELO EZITSHITSHILIZAYO NGOKUNQONGOPHALA KOKUTYA KWIZIBHEDLELE.

Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane uziphikisile izityholo zokunqongophala kokutya kwizibhedlele zikarhulumente kweli phondo. Ngethuba evula indawo yokugcina abantu iGift of the Givers eMonti, Eliqumrhu uthi linceda izibhedlele ezingamashumi amane anesibini zeliphondo ngokutya nolunye uncedo.

UMabuyane uthethe oku ngethuba ethetha noonondaba ngeenzame zephondo zokunciphisa ukusasazeka kweNtsholongwane ye-Covid-19.
“Ukutya, amanzi, amayeza azixoxiswana kwaye urhulumente uhlala esenza amalungiselelo ohlahlo lwabiwo-mali ukuze kubekho unikezelo olwaneleyo lwezi zinto.

Amaxesha ngamaxesha amahlakani ethu asekuhlaleni afana nequmrhu elizimeleyo i’Giver of Givers aye anikele ngezinto kwisebe lethu lezempilo ukuze asixhase. Oko akuthethi ukuba kukho ukunqongophala kwezinto eziyimfuneko, ”utshilo. Kwelinye icala, iiMetro ezimbini zeliphondo zinkqenkqeza phambili ngamanani olosuleleko iNtshongwane ye-Covid-19.”Utshilo uMabuyane.

LokaMabuyane uqhube wathi kukho ngaphezu kwamawaka amathandathu (6000) amanani ashicilelweyo kweliphondo, “IiMetro zethu ezimbini, iNelson Mandela Metro kunye neBCM zithatha i50.1 % yamanani achaziweyo kwaye lo nto ithetha ukuthi abahlali bomasipala ombaxa zombini kufuneka banakekele impilo yabo ngeli xesha leziyunguma,” utshilo uMabuyane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
27.7 ° C
27.7 °
27.7 °
41 %
3.5kmh
11 %
Sun
25 °
Mon
18 °
Tue
26 °
Wed
37 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks