Oonyana babulele uyise kuba ebethe inja etya amaqanda

NgeCawe yomhla we(07/05/22 malunga nentsimbi yesithandathu(18:00) amapolisa abambe amadodana amabini aneminyaka ephakathi kwamashumi amabini anesixhenxe ukuya kumashumi amabini anesibhozo ubudala(27-29) ubudala. Lamadodana abanjwe kwindawo yaseMbotyi eMandebe A/A Lusikisiki ngezityolo zokubulala uyise oneminyaka(74) ubudala nabambulalele kwikhaya lakhe.

Ngokolwazi oluvela kwinkonzo yesipolisa umfi ebekunye nosapho lwakhe, inkosikazi kunye nentombi yakhe ekhaya. Caba ke umfi uye wabetha inja kanobom de yafa, isizathu sokuyibetha kukuba itye amaqanda kunye namantshontsho.

Ukanti ke oonyana bomfi ababini bathe bakufumana ezindaba ngokwenziwe nguyise, bambethela ogqirha nezicaka kwaye efumana umonzakalo entloko.

Uye ke wasiwa kwisibhedlele iSt Elizabeth apho athe wabhubhela khona ngenxa yokwenzakala kakhulu.

Abarhanelwa babini baye babalekele kwindawo yaseMzizangwa kodwa kananjalo babanjwa. Esisibini besivelile phambi kwenkundla kaMantyi izolo nge-09/05 ze ityala lamiswa, abarhanelwa babuyiselwa esiseleni belindele omnye umhla wokuvela enkundleni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
84 %
0.5kmh
95 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA