12.5 C
King William's Town
Sunday, September 8, 2024

R350 ayisaphumi ngoku ePosini! Zama kwiivenkile zikawonke-wonke

IOfisi yePosi yoMzantsi Afrika ikhuphe ingxelo ethi ayisayi kuphinda ihlawule iR350 yenkxaso-mali yohlangulo loluntu kuwo onke masebe ayo.

Umjikelo omtsha wokufaka izicelo zoncedo lwemali yesibonelelo uvulwe ekupheleni kwenyanga edlulileyo kwabo baphindayo ukufaka izicelo zabo kunye nabo baqalayo abathi zange baxhamla kwesisibonelelo.

Esisiqgibo seposi siza emva kokuba leofisi iqaphela ukuba uluntu luma imigca emide kakhulu kwiinzame zokufumana imali yeR350. Iposi ithi inkqubo yesicelo ehlaziyiweyo okanye entsha ngoku ibandakanya ukuba umxhamli wesibonelelo azikhethele ukuba imali yakhe yentlawulo uyakuyifumana phi nini kwaye enako ukuyifumana kwaPick n Pay, uBoxer, uShoprite, uCheckers, okanye keaUSave.

Amasebe ePosi eMzantsi, awasayi kuphinda ahlawule izibonelelo zegranti okanye isibonelelo semali kaRhulemente yeR350 nanjengoko lengxelo iphume ngolwesibini.

Nangona kunjalo, abaxhamli beR350 mababe neenombolo zabo zikanomyayi ukwenzela ukuba bakwazi ukufumana izibonelelo zabo kwiivenkile ezinkulu kwaye bancedwe ngokusetha ngokutsha ii-PIN zabo kumakhadi abo kwiindawo zokurhola.

Abaxhamli beSibonelelo-mali sabo bafumana iintlawulo zabantu abadala, ukukhubazeka okanye abantwana kwi-Arhente yeeNkonzo zeNtlalo yaseMzantsi Afrika (i-Sassa) basenokuzilanda izibonelelo zabo bona kulo naliphi na isebe lePosi.

 

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
72 %
7.9kmh
51 %
Sun
10 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
20 °
Thu
29 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks