38.9 C
King William's Town
Wednesday, February 12, 2025

Sikhatyiwe isicelo sebheyile seKhankatha lakuTsomo.

Ngomhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyoMqungu 2025 inkundla kamantyi yakuTsomo isikhabe ngempumelelo isicelo sebheyile sekhankatha uSiyasanga Sifumba oneminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala ngezityholo zokuChasana noMthetho 2/2021 ngokuxhaphaza umkhwetha nokubetha ngenjongo yokwenzakalisa umzimba (GBH). USifumba wabanjwa ngomhla weshumi elinesixhenxe (17) kweyoMnga 2024 kwaye ugcinwe eluvalelweni ukusukela ngoko.

Kutyholwa ngelithi uSifumba waqeshwa njengeKhankatha ngabazali balo mkhwetha kwindawo yoLawulo yaseGqogqorha, eSixhotyeni. Ezinye izityholo zezokuba lo mongikazi wesintu waqala ukumphatha gadalala umkhwetha esebenzisa intonga, emkhaba ngeebhutsi, embetha ngempama nangamanqindi.

Kutyholwa ukuba umongikazi uye wambetha umkhwetha kangangokuba akakwazi ukuzimela ngentsasa elandelayo (05 kweyoMngqa 2024). Umkhwetha wasiwa kwisibhedlele saseCofimvaba nalapho athe watshintshelwa ngoko nangoko kwisibhedlele sase-Frere eMonti ngenxa yokonzakala kwakhe.

USifumba wafunwa wabanjwa ngamapolisa aseTsomo ngomhla weshumi elinesixhenxe (17) kweyoMnga 2024. USifumba uye wavela izihlandlo eziliqela phambi kweNkundla kaMantyi eTsomo ngeenjongo zokufaka isicelo sebheyile, yaliwa ibheyile yakhe ngomhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyoMqungu 2025, umhla wenkundla njengoko ubungqina obunikiweyo banela ukuxoxwa kwetyala.

UMkomishinala weSithili u-Major General Rudolph Adolph unika iSebe lezoBulungisa ubhontsi kwisigqibo nanjengoko liza kunika isilumkiso esiqatha kubaphuli-mthetho kwaye baya kuba ngabenzi bobubi abajongela phantsi isiko lolwaluko lwama-Afrika.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
38.9 ° C
38.9 °
38.9 °
18 %
2.9kmh
1 %
Wed
39 °
Thu
26 °
Fri
25 °
Sat
27 °
Sun
29 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks