By Asipile Kitchen.
Owasetyhini oneminyaka engamashumi amahlanu ananye (51) ubudala waseMpuma Kapa ubhubhele esibhedlele saseMthatha ngoLwesihlanu emva kwesiganeko se-GBV esenzeke kwindawo ethengisa iimoto kwiveki ezimbini ezizdlulileyo.
Isithethi samapolisa ephondo uCapt Welile Matyolo uthe kutyholwa ukuba iqabane lalo wasetyhini elineminyaka engamashumi amahlanu anesixhenxe (57) ubudala laamhlasela ngelixa emtyelele kwindawo ethengisa iimoto apho asebenza khona ngomhla wamashumi amathathu ananye (31) kuCanzibe 2025.
Umrhanelwa uye wabanjwa kwiiyure ezimbalwa emva kokubhubha kwexhoba ngoLwesihlanu.
“Umrhanelwa wahlasela ngokwasemzimbeni ixhoba endaweni asebenza kuyo waza wamsa esibhedlele ngomhla wokuqala (01) kweyeSilimela. Umrhanelwa wabanga ukuba isinqandamathe sakhe sahlaselwa ngonqevu kufitshane nakwindawo asebenza kuyo,“ uMatyolo utshilo.
Wamtyelela esibhedlele emphathele izimuncumuncu.
“Ixhoba emva koko lagula laze labhubha malunga nentsimbi yesibini (2pm) kwangalo mini inye. Ngokusekelelwe kuphando lokuqala kusetyenziswa ubungqina obukhoyo, umrhanrlwa wabanjwa ngoLwesihlanu malunga nentsimbi yesixhenxe ebusuku.”
UMatyolo uthe iziphumo zovavanyo lokufa kwexhoba zizakuchaza unobangela wokubhubha.
UMkomishinala olibambela eOR Tambo uBrig Vukile Ntuli ukuncomile ukubanjwa komrhanelwa kwaye ebongoza ukuba amapolisa aqiniseke ngokugweba.
“Asisakwazi ukubunyamezela obu bundlobongela bugwenxa obujongene namanina,” utshilo.

