12.6 C
King William's Town
Thursday, March 27, 2025

UTito unike amazwi obulumku kwiiNkumanda ezintsha eBhisho namhlanje

Njengoko uMzantsi Afrika uza kube ubhiyozela uSuku lwabaseTyhini ngomso, umhla wethoba (9) kweyeThupha, usuku olubekelwe bucala ukubhiyozela imida esele ihanjiwe yabasetyhini kunye nokusoloko kukhuthazwa inkxaso kwinkqubela phambili yabo.

USekela Mkomishinala weeNkonzo zeNkxaso kwiPhondo, uMjengele Nolitha Tito ephelekwa nguSekela-Mkomishinala wePhondo woHlolo loLwaphulo-mthetho, uNjengele Zithulele Dladla kunye noMkomishinala weSithili sase-Amatole, uNjengele Ngangema Xakavu, bathathe ixesha banikezela ngezikhundla kuBaphathi beSikhululo abasanda kuqeshwa, baza kuthatha izikhundla zabo eMpumalanga.

Ngokwengxelo ekhutshwe yinkonzo yesipolisa sithi lomsitho awusoze ulibaleke, nothe wenzeke ngoLwesine, umhla wesibhozo (8) kweyeThupha kulo umiyo kwiKomkhulu lePhondo.

UColonel Nonkoliseko Sango uqeshwe njengeNkumanda yesiKhululo sase-Ermelo, ze uColonel Nyuselwa MKhupha athathe isikhundla sakhe njengeNkumanda yesiKhululo sasePiet Retief ngokulandelelanayo eMpumalanga.

Ukanti kulo mbhiyozo, abaphathi abaphezulu bePhondo banike imiyalezo yenkxaso baza banika iiNkumanda zeZikhululo amazwi obulumko nenkuthazo kwaye babanqwenelela okuhle kodwa kuhambo olutsha abaza kuliqalisa.

Omele uMkomishinala wePhondo leMpuma Koloni, uNjengele Tito uchukumise iindlela ezahlukeneyo zobunkokeli ezinokuthi zamkelwe sesi sibini. Ukwabakhuthaze ukuba bamkele indawo yabo entsha yokusebenza. “Zihlobo, hambani nikhanye ningazingci ekuzixhobiseni ukuze nikwazi ukugqwesa niqhube umsebenzi wenu. Yenzani konke okusemandleni enu nikhonze abantu besi sizwe. Ngenene niwabonakalisile amandla enu, hambani niyokumela iPhondo leMpuma Koloni, kodwa okona kubaluleke kakhulu, hamba uye kukhonza umdali wakho ngomsebenzi okulindeleyo,” uqukumbele watsho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
12.6 ° C
12.6 °
12.6 °
84 %
1.9kmh
0 %
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
27 °
Sun
25 °
Mon
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks