Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe ngamapolisa, emva kokuba abantu ababini bephulukene nobomi babo ze abahlanu(5) kubo bonzakala ngokumandla kuhola wendlela uN10 ePeterson osingise eGqeberha (Nanarha).
Esi sehlo senzeke kuhola wendlela uN10 ePeterson xa usingise eGqeberha (Nanarha) izolo umhla we(21.04.2022) malunga nentsimbi yesihlanu(16H45) xa iimoto ezimbini zithe zangqubana okwenkunzi zegusha.
Zombini ezi zithuthi bezisuka kumacala ohlukeneyo, ilori yohlobo lwe(Isuzu) nebihamba njengesiqhelo endleleni yayo,ikhwele amadoda amabini ngelixa i(Toyota minbus) ebinabakhweli abalishumi elinesibini(12) isisithuthi sabasebenzi.
Zombini ezi nqwelo zingqubane ngecala ngelixa ilori i-Isuzu ibijikela kwicala ebekujoliswe kulo yabe yona i(minbus iToyota Quantum) ibetha inqwelo erhuqwayo engasemva.
Abantu ababini ababekhwele kwiToyota Quantum babhengeze ukuba babhubhile kwindawo yexhwayelo kuquka nomqhubi, bobabini abangamadoda ngelixa omnye umkhweli nabanye abane(4 ) bonzakele kakhulu.
Abonzakeleyo basiwe kwisibhedlele saseLiving Stone eGqeberha ukuze bafumane unyango oluthe kratya.
Isityholo sokuba ukuqhuba ngokungakhathali kube ngunobangela wengozi.
Ityala lokubulala ngokungenhloso livuliwe kwisikhululo samapolisa iPeterson ukuze kuqhutywe nophando.