31.3 C
King William's Town
Sunday, February 16, 2025

UPhando lweNyhikhityha yokufa yabantu e-Highgate eMonti izakuqhuba ngoMvulo.

UPhando olusesikweni malunga nokubulawa kwabantu kwiHotele yaseHighgate, omnye wemiba eyabhekiswa kwiNPA yiKomishini yeNyaniso noXolelwaniso (TRC), kulindeleke ukuba luqhubele phambili ngoMvulo wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyoMqungu 2025.

Olu phando luza kubekwa phambi kwejaji kude kube ngumhla wesixhenxe (07) kweyoMdumba 2025 kwiziko leNkundla eYodwa eVincent, eMonti. Olu phando lulandela isigqibo sikaMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni (DPP), uBarry Madolo sokuba lubanjwe ukuze kujongwe ukuba ngaba akukho nabani na onokubanjwa ngolwaphulo-mthetho lohlaselo lomhla wokuqala (01) kuCanzibe 1993.

Ngobo busuku bamashwangusha, kwixesha eliphambi konyulo luka-1994 eMzantsi Afrika, abantu abaxhobileyo badubula kwiibhari zaseHighgate Hotel, ezaziyindawo yokusela yamalungu oMkhosi wamaPolisa aseMzantsi Afrika, eMonti. Ngexesha lohlaselo abantu abahlanu babulawa kwaye abasixhenxe bonzakala ngokumasikizi banokonzakala okusisigxina kunye nokukhubazeka. Ababhubhayo ngu-Stanley Hacking, uDauglas William Gates, uRoyce Michael Wheeler, uDeon Wayne Harris no-Deric John Whitfield.

Emva kolu hlaselo, eli phephandaba lasekuhlaleni lafumana umnxeba ophuma kumntu ozibiza ngelika “Carl Zimbiri” womkhosi wangaphakathi wombutho i-Azanian People’s Liberation Army (APLA), iphiko elixhobileyo kumbutho we-Pan Africanist Congress (PAC), esithi uxanduva lohlaselo. Nangona kunjalo, uphando oluthe lwalandela aluzange lufumanise ukuba ngubani owenza uhlaselo, nanjengoko owayesakuba ngumlawuli we-APLA, uLetlapa Mphahlele, waakhanyela ulwazi ngokubandakanyeka kolu hlaselo.

Abathathu abasindayo kuhlaselo kunye namalungu amabini osapho lwamaxhoba banika ubungqina babo kwiindibano ze-TRC. Nangona kunjalo, akukho zicelo zokuxolelwa ezenziweyo ngabarhanelwa.

Kulusizi ukuthi lo mba obaluleke kangaka kwimbali yezopolitiko yeli lizwe, waahamba nje kungekho mntu waatshutshiswayo kwaye ungasojululwanga kwaphela. Kuyathenjwa ukuba inkqubo yokuncinwa kophando, ngoko ke, iya kunceda ekuboneleleni ngokuvalwa okuyimfuneko kakhulu kwiintsapho zamaxhoba kunye noluntu ngokubanzi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
31.3 ° C
31.3 °
31.3 °
36 %
4.7kmh
2 %
Sun
30 °
Mon
32 °
Tue
31 °
Wed
20 °
Thu
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks