8 C
King William's Town
Saturday, July 19, 2025

U-GCIS uzimisele ukuxhobisa amanina aseNyandeni

INkqubo yoNxibelelwano noLwazi lukaRhulumente (GCIS) iza kubamba iSemina yeNyanga yabaseTyhini yokuXhobisa kwiholo yesikolo kwilali yaseMkankato; kwa-wadi 16 phantsi koMasipala weNgingqi waseNyandeni, ngentseni yangoLwesibini umhla wamashi amabini anesixhenxe (27) kweyeThupha.

Ukanti uGCIS uthi abasetyhini bajongene neendidi ezahlukeneyo zentlalontle ezibandakanya uBundlobongela obuSekelwe kwiSini, iNtlupheko kunye nentswela-ngqesho, esithi ke ukukhululwa kwabasetyhini kunye nokuxhotyiswa ngundoqo ekulweni uBundlobongela obuSekelwe kwisini kunye nophuhliso lwabasetyhini.

Kusenjali ilali yaseMkhankato inookopolotyeni abaliqela abalawulwa ngoomama abagxile kwezolimo, kwaye abanye babo abakafumani nkxaso-mali. Le semina uGCIS uthi ijonge ukuxhobisa la mafelandawonye ngamathuba oqoqosho anikezelwa ngamasebe namaqumrhu karhulumente. Ekwathi le semina iya kuba luhlobo lwengxoxo apho abachaphazelekayo baya kuba nethuba lokubonisa iindlela zabo zokuxhasa ngemali.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
8 ° C
8 °
8 °
85 %
1.8kmh
9 %
Sat
19 °
Sun
27 °
Mon
18 °
Tue
20 °
Wed
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks