Inkonzo yesipolisa yoMzantsi Afrika ikhuphe ingxelo echaza ukuba, kwiinzame zokunciphisa zonke iindidi zolwaphulo-mthetho, imisebenzi yamapolisa kwiMpuma Koloni iphela igxile kumanyathelo axineneyo ukuthintela ukwenzeka kolwaphulo-mthetho olumandundu. Lengxelo ithi amapolisa agwebela izenzo ezingamashumi asixhenxe anethoba amawaka namakhulu amane anamashumi amahlanu anesithathu (79 453), nto leyo eyakhokelela ekubeni abarhanelwa abaliwaka (1 000) babanjwe phakathi komhla weshumi elinanye (12) noweshumi elinesibhozo (18) kweyeThupha kulo umiyo.
Kusenjalo amapolisa athi imisebenzi eqhutywe kwizithili ezisibhozo (08) zeMpuma Koloni ngentsebenziswano nabachaphazelekayo ibonise iziphumo ezincumisayo. Besithi zizonke iindawo ezithengisa utywala ezibhalisiweyo ezingamakwaka amabini nekhulu elinamashumi amane anesine (2 144) zatyelelwa ngexesha lohlolo lokuthotyelwa kotywala, kunye neziza zamashishini angamatyotyombe ezili-12 651 ezityelelweyo (iivenkile zespaza) ngexesha lohlolo olwenziwa ngoomasipala abaliqela (i-Environmental Heath). Ngethuba iphulo elinye liqhuba eHumewood, eGqeberha, amapolisa abambe iiyunithi ze-abalone ezili-1 106. Bebonke abaqhubi beemoto abangamashumi amathandathu ananye babanjelwa ukuqhuba benxilile, kwaye abangamashumi amabini anesixhenxe kubo babanjwe kwisithili saseNelson Mandela.
Bangamashumi amahlanu anesithandathu abemi bangaphandle abangabhaliswanga (abangene ngokungekho mthethweni kweli) upababanjiweyo, kwaye isithili saseNelson Mandela kunye neAlfred Nzo zibhalisa abona bantu babanjiweyo, ishumi elinesibhozo (18) kunye neshumi elinesixhenxe (17) ngokulandelelana. Bangamakhulu alithoba anamashumi alithoba anesithandathu (996) bebonke abarhanelwa ababanjiweyo kweli phondo ngamatyala okubulala ukuya ekufumaneni iziyobisi ezingekho mthethweni, kunye nabanye abarhanelwa abane (04) abongezelelekileyo abafunwayo, abathi babanjwa ngethuba kuqhutywa amaphulo okulandela umkhondo. Ukanti iziyobisi ezingekho mthethweni ezixabisa ngaphezulu kwe-R1 000 000.00 (isigidi seerandi) zathinjwa nabarhanelwa abalikhulu elinamashumi asibhozo ananye (181) webathinjwa, kwaye abangamashumi amane anesibhozo (48) kwabo bavalelwa ukujongana nezityholo.
UMkomishinala wePhondo, uNjengele Nomthetheleli Mene uthe, “Iinzame zethu ezihlangeneyo zokulwa ulwaphulo-mthetho ziyawaphula umnqwazi wamaqela olwaphulo-mthetho, ngakumbi kulwaphulo-mthetho olufana nokuphanga imali, ukurhweba ngeziyobisi ezingekho mthethweni kunye ne-abalone. Siza kuqhubeka nokuqinisekisa ukuxinana okuphezulu kwamajoni ahamba ngeenyawo, ”wongeze watsho uNjengele Mene.