12.2 C
King William's Town
Saturday, October 4, 2025

“Still She Bloomed” yintshukumo esekelwe kwimpilo-ntle nakumanyano loluntu.

Intshukumo ethi “She Still Bloomed” ibuya nombono ohlaziyiweyo kunye nenjongo enzulu ngoku, ejonge ukukhuthaza ukuphila kwentliziyo, ukuxhobisa ubunkokeli, kunye nokukhuthaza umanyano phakathi kwamadoda nabafazi kwiindawo ezahlukeneyo.

UNoludwe Miza Mhlola ongumseki nomququzeleli wale ntshukumo uthi into eyahlula ushicilelo lwalo nyaka kukubandakanywa ngabom kwamadoda, hayi nje njengeendwendwe kodwa njengamahlakani asebenzayo.

“Sidibanisa ulwahlulo kwaye sibumba inguqu kwisini kunye nesizukulwana,” utshilo uMhlola. “Le asiyonkomfa nje; yintshukumo enenjongo.”

Kule ntshukumo yalo unyaka, kubandakanywe neendwendwe ezivela kwezopolitiko, kubulungiseleli, kumashishini kunye naku macandelo eenkampani, umsitho ujonge ukuvuselela iincoko ezikhaliphileyo. Izihloko zisusela kumandla okulungelelanisa kunye nenjongo ukuya ekuphiliseni amanxeba obunkokeli kunye nokudala uqoqosho olubandakanyayo.

Umxholo walo nyaka othi, “Collective Blooming,” uquka uluvo lokuba ukukhula komntu okanye koluntu akufuneki kwenzeke bucala okanye ekhusini.

“Lixesha lokuba abasetyhini kunye namadoda, abacebisi, iinkokeli kunye nabaphuphayo bagqame kunye,ngabom nangokudibeneyo,” utshilo uMhlola.

Umsitho lo sele ushiye ilifa elenza inguqu eluntwini nakumacandelo athile. Ukusuka kubasetyhini abaqala amashishini kunye nokubuyela esikolweni, kwiiprojekthi zoluntu kunye nokuphiliswa komntu, abo bakhoyo bayaqhuba bechaza amava atshintsha ubomi babo.

“Sinabafazi abasixelela abaliqela abeza ngaphambili bezokusixelela ukuba le misitho siyibambayo isindisa ubomi babo ngeendlela ezininzi”.

Iqela labantu abazibandakanye nale ntshukumo liye laqinisekisa ukumelwa okuhlukeneyo kwizithethi zalo kulo nyaka, abasetyhini abophule imiqobo kunye namadoda aqinisekisa ukuba enza iindawo zokuba abafazi baphumelele.

Amazwi aphuma ezidolophini nasezilalini, kumaqela ohlukeneyo eminyaka ubudala, nakwiindawo zenkcubeko agqalwa ngokubalaseleyo.

Iinjongo zale ntshukumo zintathu: Kukukhuthaza utshintsho olusebenzayo, ukwakha intsebenziswano yamacandelo Ohlukeneyo, kunye nokuvuselela inguqu okanye intshisakalo yangaphakathi.

“Asifuni abantu bahambe namanqaku nje,”. “Sifuna ukuba bahambe benenjongo ehlaziyiweyo, unxibelelwano olwandisiwe, kunye namaphupha avuselelweyo kubo.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.2 ° C
12.2 °
12.2 °
74 %
6.4kmh
95 %
Sat
31 °
Sun
24 °
Mon
27 °
Tue
24 °
Wed
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks