By Nyameka Lamani.
Umphandi woLwaphulo-mthetho oluKhethekileyo uMike Bolhuis uchaze uVusimuzi ‘Cat’ Matlala njengomntu oyingozi.
UMatlala ebejongwe luluntu ngezityholo zokunxulumana namagosa asebupoliseni akwinqanaba eliphezulu, kunye neethenda zakhe ezithandabuzekayo. Wangena phantsi kweliso xa umbhexeshi owabulawayo uBabita Deokaran ehlola inkampani yakhe ngezenzo zobuqhophololo ezinxulumene neSibhedlele saseTembisa, eRhawutini. INkampani yakhe ikwanikwe ithenda yezigidi ezingama-R36 eerandi ngamapolisa ngoJuni kunyaka uphelileyo, eyathi kamva yarhoxiswa.
Kungoku nje usemva kwezitshixo ngezityholo zokuzama ukubulala, ukuxhaphaza imali kunye neyelenqe lokubulala. UBulhuis uthi ulawulo lukaMatlala lobugrogrisi kusekude ukuba luphele.
“UVusi yindoda eyingozi kakhulu kwaye ikwayindoda ebaluleke kakhulu kwabo babandakanyeka kulwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo, ngakumbi kwabo baseburhulumenteni namagosa aphezulu asebupoliseni.”
UMbutho woLuntu iDefend Our Democracy ithi isakhono sikaMatlala sokufumana iithenda kurhulumente kule minyaka idlulileyo siveza ubunzulu borhwaphilizo. UMlawuli oyiNtloko weOur Democracy, uNaledi Kuali, uthi iyothusa into yokuba uMatlala akwazi ukuxhamla kwimali yabarhafi.
“”Ukunikezelwa kweethenda okuqhubekayo ngolu hlobo kubonisa urhwaphilizo olwendeleyo. Xa inkqubo efanelekileyo ilandelwa ngokufanelekileyo kuze kuqhutywe nophando olucokisekileyo kubantu abachaphazelekayo, kuyacaca ukuba zininzi izityholo ezinzulu ngakubo. Ezi zityholo zinzima kangangokuba iziko likarhulumente kufuneka, ubuncinane, lizikhwebule kubantu abanjalo. Ngoko kutheni enikwe iithenda?”
SOURCE:SABC NEWS

