Tshatani! kusezakubanzima kule”Department

Ungenelele umthetho weenkundla zikantyi eRhawutini ugunyazisa ukuba uMinnie Dlamini ahlawule owayesakuba ngumyeni wakhe uQuinton Jones.

Oku kusemva kokuba esisibini sazimanya ngeqhina lomtshato owawunobunewu-newu ingathi uphuma encwadini ngonyaka ka2017  eKapa kwifama yemidiliya. Esisibini nesasibonakala sithandana, satyikitya isivelwano sombomiso bhanya-bhanya(showmax) ukuze uluntu lubukele umtshato wabo kanokutsho owawuxabise izigidi zeerhandi kwelikhasi.

Iminyaka ke iye yahamba konwatyiwe de kwabakho nosana,ngesaqhuphe kwiminyaka nje embalwa olumanyano lubambile waphela umtshato.

Kaloku ngonyaka ka2022 kwinyanga ka(February) zavela iindaba zokuqawuka komtshato ngokwengxelo eyabhalwa nguDlamini kumakhasi akhe ezonxibelelwano. Ukanti bobanini uMinnie noQuinton bengaveli ncam ngezizathu zeyantlukwano.

Sithetha nje uMinnie kunyanzeleke ukuba abhatale intlawulo yemali kwindoda awayetshate nayo engangeR480 000 xa iphelele. Esisiqingatha sezigidi yintlawulo yerenti kunye nefenitshala. Ukanti uJones wayesakufuna nemali yesondlo rhoqo ngenyanga kuDlamini de abe uyakwazi ukuzimela ngokwakhe kwezezimali.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
81 %
1.2kmh
93 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
20 °

EZITHANDWAYO INDABA