Otyholwa ngokuba ngumphathi/ngqondo-ngqondo wolwaphulo-mthetho kunye nosomashishini uVusimuzi ‘Cat’ Matlala Kukholeleka ukuba uza kuvela phambi kwekomiti yePalamente ephanda izityholo ezenziwe nguLieutenant-General Nhlanhla Mkhwanazi nge 26 -ukuya kwi 28 kulenyanga KaNovember 2025, nangona ingaqinisekiswanga lemihla.
Le komiti ibidibene ngoMvulo ukuze yamkele ingxelo yexeshana ngomsebenzi ogqityiweyo,neengxoxo ezingekagqitywa, ze ixoxe ngenkqubo ukubheka phambili.
IKhomishini yoPhando kaMadlanga kunye nekomiti ye-SAPS yePalamente ephanda izityholo zorhwaphilizo bezisebenza ngaxeshanye.
Ubungqina obunikwe ngamangqina phambi kweKhomishini kaMadlanga kunye nePalamente butyhile ubunzulu borhwaphilizo kunye nokungenelela kolwaphulo-mthetho olucwangcisiweyo, okutyholwa ukuba kunxulumene neqela elibizwa ngokuba yi-‘Big Five’ cartel.
UMatlala usengaphaya kwezitixo, INkundla ePhakamileyo yaseRhawutini isalile isicelo sakhe sebheyile ngentseni yangoMvulo.
Uza kunika ubungqina esentilongweni i-Kgosi Mampuru C-Max.

