By Esona Magawana
Abaxhasi bokuqala ngemali zamagqwetha bomsunguli we-“Please Call Me” uNkosana Makate kwityala lakhe leminyaka neVodacom bagrogrisa ngokuthatha amanyathelo asemthethweni ukuba abafumani nxalenye yemali yesivumelwano.
Kwiveki ephelileyo, iVodacom ivumelene noMakate ngaphandle kwenkundla ngemali engachazwanga.
Kangangeminyaka eliqela, uMakate ebenobudlelwane obungavisisaniyo nabaxhasi bokuqala betyala lakhe ngokwenza nkxaso mali zamagqwetha, kumlo wakhe nomthengisi omkhulu weselula eMzantsi Afrika I Vodacom.
UChris Schoeman, nenkampani yakhe iRaining Men Trade, uthi wanika inkxaso-mali yokuqala yeentlawulo zomthetho zikaMakate ngokutshintshiselana ngengxenye yePesentegi yesixa mali ekupheleni kwetyala.
Nangona kunjalo, ubudlelwane babo baphela xa uMakate ezama ukurhoxisa isivumelwano ngo-2015, nto leyo eyakhokelela kwiingxabano zomthetho kunye nolamlo.
Eyona nto yayiphambili kwingxabano yezomthetho yayikukuba ingaba uSchoeman wayesenelungelo lokunciphisa kakhulu imbuyekezo kaMakate.
Kwiileta eziboniweyo ezithunyelwe yi-SN Mnguni Attorneys – egameni leBlack Rock Mining, inkampani enxulumene kunye noSchoeman – yabhalela amagqwetha kaMakate kunye neVodacom ngalo mba.
“Sinesizathu sokukholelwa ukuba uStemela noLubbe abayi kuhlawula umthengi wethu, umxhasi, ilungelo lakhe le-40% yebhaso,” lamagqwetha abhalele I Vodacom esitsho ngoMvulo.
Ngokwesivumelwano sika-2011, uSchoeman unelungelo lokufumana i-40% yentlawulo, ze intsalela iye kuMakate.
USchoeman u grogrisa ngokumsa uMakate kwinkundla ephakamileyo ukuba akahlawuli.
Amagqwetha ka Schoeman athe, ukuba uyasilela ukunikezela ngesibhambathiso esibhaliweyo esikhankanyiweyo ngaphambi kokuvalwa kweshishini namhlanje, uSchoeman uceba, ngaphandle kwesaziso esongezelelweyo, ukuqala iinkqubo ezingxamisekileyo kwinkundla ephakamileyo efanelekileyo ukuze kukhutshwe umyalelo othintela ukuhlawulwa kuka Makate yiVodacom ngaphandle kwesabelo sakhe kwesi sixa mali uVodacom azakusibhatala.
Nge-6 kaNovemba ibhodi yeVodacom yatyikitya isivumelwano sokuhlawula semali engachazwanga kunye no Makate bucala.
Ubalo olungaqinisekiswa luqikelela phakathi kwe R550 million ukuya kwi R700 million ubungakanani besixa mali sesivumelwano sika Makate neVodacom.

